Inkosikazi yaseGqeberha ebiyinxalenye yamaBhulu angama49 aziimbacu eMelika utyholwa ngokusebenzisa eli nyathelo njengethuba lokuya kuhlala nomyeni wakhe.
Image: X/@incontroZA
Igxekiwe inkosikazi yaseGqeberha eMpuma Koloni uJacqueline "Jackie" Botha emva kweengxelo ezithi wasebenzisa inkqubo yaseMelika yokuhlaliswa kweembacu ukudibana nomyeni wakhe osele ehlala eMelika.
UBotha uphakathi kweqela labemi boMzantsi Afrika abamhlophe abangama49 abasanda kufika eMelika, abathi baphathwa kakubi ngokwebala kweli loMzantsi Afrika.
Nangona kunjalo, abantu kumakhasi onxibelelwano bathandabuza ubunyani bala mabango, besithi wabona nje ithuba lokuntinga aye phesheya [eMelika] walixhumela.
Ngokutsho kweNewzroom Afrika, uBotha ushiye ikhaya lakhe eRowallan Park, idolophu yabafumileyo eGqeberha.
Iingxelo zibonakalisa ukuba le nkosikazi, 52, yawushiya uMzantsi Afrika nabantwana bayo abathathu.
Owayesakuba ngumsebenzi kaBotha uxelele iNewzroom Afrika ukuba umyeni wakhe [uBotha] ebehlela phesheya kule minyaka mibini ukuya kwemithathu idlulileyo.
Urhulumente woMzantsi Afrika uzikhabile kabukhali izityholo zokuba amaBhulu amhlophe ajongene nempatho embi ngokobuhlanga, ephikisana neengxelo ezichazwe ngabo bafuna ukuba ziimbacu eMelika.
Nangona ulwaphulomthetho luseyingxaki enkulu kwiindawo ezininzi zaseGqeberha, ingakumbi kwiilokishi ezaziwa ngobundlobongela bamaqela oonqevu, ukuqweqwedisa kwezithuthi kunye nolunye ulwaphulomthetho olunobundlobongela, kuvakala ukuba iRowallan Park yindawo ezipholeleyo engachaphazeleki kangako lulwaphulomthetho.
Akwaziwa ukuba yeyiphi impatho mbi ngokobuhlanga uBotha okanye abanye abakwelo qela [lamaBhulu] abathi bakhe bahlangabezana nayo kweli lizwe phambi kokuba kuyiwe eMelika.