Iindaba

Libanjiwe ixhego elina80 ngokuba ihashi!

Abongile Ginya|Published

Ihashi elibhaqwe eMpindweni eLibode lona ilelaseNtlangaza eMqanduli

Image: SAPS

Kulindeleke ukuba livele phambi koMantyi waseMqanduli ixhego (80) laseMpindweni eLibode emva kokuba liye labanjwa ngoLwesibini kule veki ngamaPolisa akwicandelo lemfuyo aseMqanduli. 

Ngokwengxelo ephuma kuCaptain Welile Matyolo ithi, ixhego eli lifunyenwe emzini walo eMpindweni linehashi elimhlophe ngombala kwakunye nenkonyane lalo, hashi elo belichazwe njengelilahlekileyo kwiinyanga ezimbini ezidlulileyo. 

UMatyolo uthi ukubanjwa kwexhego kuza emva kokuba umnikazi (62) wehashi yaseNtlangaza eMqanduli, ithe yakwazi ukulichaza ihashi layo emva kophando oluye lwenziwa ngamaPolisa. 

Eli hashi kwakunye nenkonyane lalo lixabisa iR20 000, kwaye ziye zabuyiselwa kumnikazi wazo. 

Ixhego lijongene netyala lokugcina imfuyo engeyoyalo.