Iindaba

Awuzukutshabalala umnombo wengcibi ebinesandla esihle emakhwenkweni!

Abongile Ginya|Published

UNdlunkulu wamaQhinebe kwiPhondo jikelele uS. Mkhose enikeza umkhonto kuMphumzi Zwelivumile Koko nongunyana wengcibi ebingcwatywa ebisaziwa ngelikaMadala igama, uThobile Koko, eLotha eDutywa ngethuba kungcwatywa uMadala.

Image: Ngcana Media SA

Unyana wengcibi ebinesandla esihle netyatyekwe ngomsebenzi omhle ewenzileyo ngethuba iphila, neyinzalelwane yaseDayimane eLotha eDutywa uMphumzi Zwelivumile Koko, uthi uza kuqinisekisa ukuba isakhono sokwalusa abasiphiwe ngabangasekhoyo ooQhinebe kweli khaya, siza kuqhubekeka ukuya phambili.

UZwelivumile ukutsho oku emva kweentsuku kungcwatywe utata wakhe, nobesaziwa kakhulu njengengcibi ebizwa ngokuba nguMadala. UMadala nogama lakhe inguThobile Koko, wazalwa ngo1928, ze ukolusa amakhwenkwe wakuqala ngo1990. UZwelivumile naye nosele eyingcibi ephum' izandla nowathatha kutata wakhe, uthi sobe ucime lo mnombo kuba yena uthathe kutata wakhe ngo2019, ngethuba utata eyeka. Ukanti utata wakhe yena wathatha ezi ntambo kowakhe utata onguMcophela, yena uMcophela eyithatha kowakhe utata uKoko, nongukhokho kuZwelivumile lo basebenzisa ifani yakhe.

UZwelivumile uthi uqale ngo2019 ukuyeka kukatata wakhe, kodwa ngokusesikweni wanikwa umkhonto ngo2010. Uthi bayazingca belusapho kuba usebenzile uMadala. Uthi balele ngecala elinenxeba nangona utata wabo ebemdala uthi akumnandanga ukushiywa ngumzali.

"Usebenzile utata kuba oobhuti abadala abanemizi emikhulu boluswa nguye, nabo bezisa isizukulwana sabo kutata kuba bemazi. Siyazidla ngotata kwaye nam sendisaziwa nje kungenxa yakhe.

"Ndithetha nawe nje sele ndinawo amadoda angapha kwamakhulu amahlanu esele ndiwakhuphe kwezi zam izandla ngeemfundiso zikatata. Ebesaziwa kakhulu kuba zange wabhujelwa, ebelilandelela kakuhle eli siko lolwaluko kwaye enconywa kuba sihle isandla sakhe kulo msebenzi," utshilo Zwelivumile.

UZwelivumile uqhuba uthi, ekuqaleni ebengawuthathelanga ngqalelo lo msebenzi, kodwa ekukhuleni waqalisa ukubona ukuba eli lilifa lakowabo: "Kona kona ebutsheni ndikhe andayiqonda kodwa ngokuye ndikhula kwakhona ndiqonda ukuba yinto yasekhayeni le, naxa ndisiva ngomnombo wasekhaya njengokuba yayiqalwe ngukhokho, ngoku ikum kwaye akufunekanga iphele kuba nam ndakunikeza kunyana ukuze ingapheli. Eli siko yinto engasoze iphele nam endakuqinisekisa ukuba alipheli".

Abaninzi aboluswa ngulo tata eLotha nommandla waseDutywa bakhuphe inkxaso-mali kweli khaya ngombulelo wabo kule ngcibi ngethuba ingcwatywa kwiveki ephelileyo.

Ilitye lengcibi yaseLotha eDutywa uThobile Madala Koko.

Image: Ngcana Media SA