Iindaba

UMalema uluchaze 'njengenkcitha xesha' utyelelo lukaRamaphosa eMelika

Hope Ntanzi|Published

UJulius Malema ukholelwa ukuba utyelelo lukaRamaphosa eMelika 'yinkcitha xesha.'

Image: Phando Jikelo/Parliament of SA

Inkokeli yeEconomic Freedom Fighters (EFF) uJulius Malema ulugxekile uhambo lukaMongameli uCyril Ramaphosa oluya eMelika, esithi alufikanga ngexesha elilo kwaye luyingozi kulongamelo loMzantsi Afrika.

Utyelelo lukaMongameli Ramaphosa eMelika luqale ngoMvulo kwaye luza kuqukunjelwa ngoLwesine wale veki. Olu tyelelo ziinzame zokulungisa ubudlelwane phakathi kwala mazwe mabini. NgoLwesithathu uRamaphosa unendibano noMongameli waseMelika uDonald Trump.

Nangona kunjalo, uMalema ulugxekile olu tyelelo, ingakumbi njengoko lungqamana nexesha elibalulekileyo kweli lizwe njengoko iPalamente iza kufumana intetho yohlahlo lwabiwomali lwesizwe okwesithathu.

UMphathiswa wezeziMali [Enoch Godongwana] kulindeleke ukuba achaze uhlahlo lwabiwomali ngoLwesithathu.

"Uhlahlo lwabiwomali luza okwesithathu, oko kuthetha ukuba kukho ingxaki. Awunako ukulishiya ilizwe lakho lisengxakini uye eMelika apho uya kuphathwa kakubi," utshilo uMalema.

UMalema ulugxekile utyelelo lukaMongameli eMelika njengelize, elumkisa ngelithi uRamaphosa angabuya etyeshele imithetho siseko yesizwe kuba efuna ukuthandwa kumazwe aseNtshona.

"Yinkcitha xesha. Ukuba ufuna baqale bamphathe ngokwahlukileyo kwaye uza kubacenga ukuba baye kuzimasa iG20, kuza kunyanzeleka ukuba atyeshele eminye yemigaqo nkqubo esisiseko yeli lizwe, esingazimiselanga ukuyivuma. Ukuba uthe wayenza loo nto, makangabuyi," utshilo.

Le nkokeli yeEFF ikwatyhole uRamaphosa ngokujongela phantsi igunya lePalamente ukuba kunokwenzeka asikhabe isigqibo sayo sokuba kuvalwe umzi wozakuzo wakwaSirayeli eMzantsi Afrika.

"Awungekhe uhambe wedwa njengesigqeba solawulo, usitshintshe isigqibo sePalamente. Ukuba uyakwenza oko, akuyi kuba semthethweni kwaye siza kuyilwa."

Ethetha ngamabango akutsha nje enziwe ngabemi boMzantsi Afrika abamhlophe abangama49 okuba bemke ngenxa yobundlobongela – uMalema ukubize oko "njengentsomi" kunye "nedrama," esithi akukho mfuduko ingako yenzekileyo.

"Akukho maBhulu angama49 ashiye uMzantsi Afrika. Nonke niyayazi loo nto, yintsomi, yidrama. IMelika ngedrama ikwindawo yokuqala."

Ehlekisa ngezo ngxelo, uthe: "Ukuba abo bantu bangamafama, kuthetha ukuba kukho iifama ezingama49 ezikhoyo ezingenabantu. Kutheni singazithathi? Ngoba kaloku bazishiyile zigeqeza zodwa."

UMalema ubethelele ukuba iEFF ayikhuthazi ubundlobongela kodwa ikhuthaza ukwabiwa komhlaba ngokulinganayo.

"Asibabulali abantu abamhlophe. Sifuna umhlaba wethu. Sithi masabelane ngalo mhlaba. Sonke masiwusebenze umhlaba. Kwaye ukuba lulwaphulomthetho olo, lulwaphulomthetho esilungele ukulenza."