Iindaba

Kubongozwa abafuyi bayokufanisa imfuyo yabo eyadukayo kuQumbu nakuTsolo!

Abongile Ginya|Published

Iinkomo ezibhaqwe ngamapolisa aseMpuma Koloni kugqogqo olwenzeke iveki yonke kwiveki ephelileyo.

Image: SAPS

Ukusukela ngoLwesibini weveki ephelileyo ukuyokutsho ngoLwesihlanu umhla we16, amapolisa aseMpuma Koloni enze iphulo logqogqo lwemfuyo kwizithili ezahlukeneyo ezifana neAlfred Nzo, Joe Gqabi kwakunye neOR Tambo ngeenzame zokulwa umkhwa wokubiwa kwemfuyo. Eli phulo lincede abafuyi abaninzi nanjengoko kuthe kwabhaqwa iinkomo ezibiweyo eziyi231 ezixabisa iR2 772 000, iigusha eziyi81 (R162 000) kwakunye neebhokhwe eziyi78 (R156 000).

Ngokwengxelo kaCaptain Welile Matyholo ithi, apho amaxhoba okubelwa akhoyo akwiilali ezifana noQumbu, Sulenkama, Tsolo kwaBhaca, Maclear, Tloekeng (Mount Fletcher) kwakunye noNgqayi (Katkop).

Amaxhoba okanye abo balahlekelwe yimfuyo, iinkomo zigcinwe kwisikiti sakuQumbu, logama iigusha kwakunye neebhokhwe zigcinwe kwisikiti sakuTsolo. 

Amapolisa ayabongoza nabani na olahlekelweyo ayokufanisa iinkomo kuQumbu, zona iigusha neebhokhwe aye kuTsolo kwaye aphathe iimphepha okanye into enobungqina nekwabonakalisa ukuba ungumnikazi wemfuyo.

OoKomishinala bezikhululo ezisuka kwezi zithili ziqhube ugqogqo bawuqhwabele izandla umsebenzi omhle owenziwe ngamapolisa.

Iinkomo ezibhaqwe ngamapolisa aseMpuma Koloni kwiphulo lokulwa ukubiwa kwemfuyo.

Image: SAPS