Iindaba

Urhulumente waseMelika uyagxekwa ngokwamkela amaBhulu njengeembacu

Xolile Mtembu|Published

Kukho abemi baseMelika abasigxekayo isigqibo sikarhulumente waseMelika sokuzisa amaBhulu aseMzantsi Afrika njengeembacu.

Image: Saul Loeb/AFP

Isebe elilawulayo laseMelika lifumana ukugxekwa ngokwamkela abantu abamhlophe baseMzantsi Afrika njengeembacu. Izigxeko zivela ngaphakathi kwela lizwe njengoko abemi bethandabuza iinjongo zikarhulumente kaDonald Trump.

Amajelo eendaba abuze uSekela Sithethi sesebe elilawulayo uTommy Pigott ngesiseko sokwamkela amaBhulu amhlophe njengeembacu.

"UMongameli uye wayicacisa kakuhle inkxalabo anayo ngoMzantsi Afrika. Ezo ngcinga uye wazivakalisa esidlangalaleni. Xa sithetha ngabantu abafikileyo, uMongameli uqaphele eyona nto ibalulekileyo nesiye sayizalisekisa ngokufika kwabo," utshilo uPigott.

Uqhube wathi iimbacu zamaBhulu zifikelela kumgangatho ofunekayo njengabanye. Xa ebuzwa ngesantya urhulumente waseMelika athe wahamba ngaso ukufumanela amaBhulu ubume bokuba ziimbacu, uPigott ugxininise wathi ziinkxalabo zikaTrump ngoMzantsi Afrika ezikhawulezise le nkqubo.

"Uneminyaka ethetha ngempatho gadalala esiyibonayo eMzantsi Afrika. Wayalela isebe elilawulayo ukuba liphumeze loo nto ibalulekileyo."

Nangona kunjalo, uPigott ubaleke ukuphendula ukuba ingaba abantu bayabulawa na ngokobuhlanga babo eMzantsi Afrika ngoku.

Owayesakuba ngumsasazi weendaba weCNN uDon Lemon ubize ukwamkelwa kweembacu ezimhlophe njengomgaqo-nkqubo ocacileyo wocalucalulo ngobuhlanga kusetyenziswa inkolelo yobuxoki yokuba abantu babulawa ngokobuhlanga. Kwikhasi lakhe likaYouTube, uLemon ubange ngelithi uTrump uxabise amafama angamaBhulu ngendlela egqithisileyo.

"Ndicinga ukuba olu luphawu lokuba uTrump ungumntu onjani kwaye ucinga ukuba iMelika ngeyabantu abanjani," wongeze watsho. "Uphinda iintetho ezisekezelwe kwicala lezopolitiko lasekunene (far-right) ezingabambekiyo malunga nokubulawa kwabantu abamhlophe nesele ezi ngxelo zigquba kumakhasi onxibelelwano iminyaka."

ULemon ukwakhusele umthetho wokuhluthwa komhlaba, ebanga ukuba ziinzame zikarhulumente zokulungisa ukuhluthwa komhlaba ngexesha lobukoloniyali kunye nelengcinezelo.

"UTrump wenza ngathi lulwaphulomthetho lwentiyo oluxhaswa ngurhulumente kwaye bubuxoki obo. Abantu abaye balandela lo mba bathi babona uElon Musk njengesizathu sako konke oku ... UMusk wazalelwa ePitoli kwaye wakhulela ngexesha localucalulo. Kudala ezixakekise ngamafama [amhlophe] aseMzantsi Afrika nento ayibiza ngokuba kukubulawa kwabamhlophe."

UMongameli uCyril Ramaphosa naye uwagxekile amaBhulu athe afudukela eMelika. Ethetha kwiAfrica CEO Forum eAbidjan, eIvory Coast, uRamaphosa uthe, amaBhulu afudukele eMelika awabaleki ngenxa yempatho embi, koko asala ukwamkela iimeko eziguqukayo zeli lizwe.

"Abo bamkileyo abaphathwa ngenkohlakalo, abazingelwa, abaphathwa kakubi. Bahambe kuba bengafuni ukwamkela utshintsho olwenzekayo kwilizwe lethu nakuMgaqo-siseko wethu," utshilo uRamaphosa.