Iindaba

Kudutyulwe abahlanu kwabhubha abathathu kumzi omnye eNgcobo besazilile!

Abongile Ginya|Published

Kudutyulwe abantu abahlanu, abathathu babhubha eNgcobo ngorhatya lwangoLwesine (izolo) eMnagweni kuDalasile.

Image: SAPS

Bathathu abathe baphulukana nobomi babo kurhatya lwangoLwesine kuDalasile eNgcobo logama ababini besalwela ubomi babo esibhedlele. 

Ngokwengxelo yamaPolisa aseMpuma Koloni, bekusemva kwentsimbi yesixhenxe izolo kumzi ekubhujwe kuwo ngethuba kungena amadoda amabini angaziwayo afika adubula kulo mzi kubhujwe kuwo eMangweni kuDalasile eNgcobo.

Aba babhubhileyo nguZukile Ngwangele (50), Cebisile Ngqwangele (39) kwakunye noZimisele Ngquthwana (30). Ababini abafumana unyango esibhedlele baphakathi kweminyaka engama50 kwakunye nama70. 

UWarrant Officer Majola Nkohli uthi unobangela wesi sehlo awukaziwa kwaye akukabanjwa mntu.

Obambele njengoMkomishinala eMpuma Koloni, uMajor General Thandiswa Kupiso, uthi nabani na onokuba nolwazi malunga nesi sehlo uyabongozwa ancedisane namaPolisa eze ngaphambili ukuze babanjwe abarhanelwa. 

USodolophu woMasipala waseDr. AB Xuma uSiyabulela Zangqa ukukhalimele oku kudutyulwa kwabantu bakwaWadi 18, watsho ebongoza uluntu luncedisane nosapho kwakunye namaPolisa ukuze kubanjwe abenzi bobubi. UZangqa ukwadlulise amazwi ovelwano kwiintsapho nezalamane zamaxhoba.

UMphathiswa weSebe lezoThutho noKhuseleko loLuntu eMpuma Koloni uXolile Nqatha usikhalimele esi senzo naye ekhuthaza uluntu lusebenzisane ngokukhawuleza nomthetho ukuze babanjwe abenze oku.

Ityala livuliwe lokubulala. Lowo angatsalela uDetective Sergeant Sandiso Madinga ku071 475 2105 okanye iCrime Stop ku08600 10111.