Kubanjwe indoda (48) exhwile indoda (30) engusomashishini eNjiji KwaBhaca.
Image: Hawks
Iqela leeHawks eMbizana, libambisene namaPolisa aKwaBhaca, Alfred Nzo kwakunye nenkampani iMC4 Security ngoMvulo babambe indoda (48) yaseNjijini KwaBhaca ejongene netyala lokuxhwila indoda engusomashishini oneminyaka engamashumi amathathu (30) ubudala.
Ngokwengxelo yeeHawks eMpuma Koloni, ithi, kwinyanga ephelileyo ngomhla we30, ixhoba (30) lavala ivenkile yalo nanjengoko kwakungorhatya ekwilali iMseleku eMaxesibeni emva koko yacothoza ngeenyawo ukugoduka apho isiya apho ihlala khona. Ingxelo iqhuba ithi, zange afike ekhayeni, waqalisa ukuxhalaba ubhuti wexhoba nowaye wayokuchazela amaPolisa kwakhangelwa elalini akafunyanwa.
UWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana uthi, kuMvulo weveki ephelileyo, usapho lwexhoba luye lafumana umnxeba ovela kumrhanelwa efuna isixa semali. Emva koko, kulapho eli tyala liye lanikezelwa kwiiHawks nguSAPS.
UMhlakuvana uthi kuphando oluye lwenziwa ziiHawks luye lwayobabeka ngqo kwikhaya eligcine lo mfana uxhwiliweyo kwilali yaseNjijini.
Ekufikeni kwalo, eli qela namaPolisa bafike ixhoba likhona kwaye lingonzakaliswanga, nomrhanelwa ekhona wabanjwa ebekwa ityala lokuxhwila.
Uphando luyaqhuba kwaye kulindeleke ukuba kubanjwe abanye abarhanelwa.
Umrhanelwa ujongene netyala lokuxhwila ulindeleke ukuba avele phambi koMantyi eMaxesibeni kungekudala.
OyiNtloko ePhondweni kwiiHawks, uMajor General Mboiki Obed Ngwenya, uthi ukubanjwa komrhanelwa kuza kudlulisa umyalezo oliqilima nakwabanye abenzi bobubi.