USajini Thembalethu Gqeku (50) ogwetywe namhlanje, ngoLwesihlanu, eQumrha iminyaka engama20 eseziseleni ngokudlwengula intwazana eyayiyokumangala.
Image: NPA
USajini Thembalethu Gqeku (50) ugwetywe iminyaka engama20 engaphakathi eziseleni, emva kokufunyanwa yiNkundla yeNgingqi yaseQumrha enetyala lokudlwengula intwazana eneminyaka eli17 ubudala kwiofisi yomcuphi kwisikhululo samaPolisa saseKei Mouth.
Esi sehlo senzeka ngomhla we8 kwinyanga yeThupha ngo2022.
Ingxelo ephuma kwiNPA ithi, uGqeku wayephangele ngobo busuku wabe ehamba ngemoto yomsebenzi ngethuba ekhwelisa ixhoba (17) ngakwivenkile ethile kwidolophu yaseQumrha.
Ingxelo yeNPA iqhuba ithi, uGqeku ngaphambili, wafuna imali engaphezulu kwezigidi ezithathu zeerandi (R3.5 million) kwiNPA emva kokurhoxiswa kweli tyala awayejongene nalo lokudlwengula. Unobangela wokurhoxiswa kwalo kukuba ixhoba lalingafumaneki malunga nengxoxo ezinkundleni kuba lalisadandathekile, lachithwa ityala. Kwaye kwanyanzeleka ukuba lihambe iinkonzo zoluleko ngokomphefumlo nangokwasengqondweni ukuze likwazi ukubuyela ezinkundleni kulo nyaka.
Ingxelo iqhuba ithi, uGqeku waqhatha ixhoba ebanga ngelithi ufuna olunye ulwazi ukuze ongeze kwiinkcukacha zetyala elalivulwe lixhoba eli malunga nokuhlukunyezwa yinkwenkwe eyayithandana nexhoba.
Isithethi seNPA, uLuxolo Tyali, uthi wavala umnyango ukufika kwabo eofisini yabechuphi eKei Mouth wayidlwengula le ntwazana eyingqengqise phezu kwetafile yabecuphi.
"Le ntwazana yakwazi ukuzilwela yonzakalisa entloko uGqeku ngebhotile, ebaleka ukuya ngaphambili emaPoliseni, ekhala nawaye amngxolisa ecinga ukuba uphantsi kweempembelelo zeziyobisi."
UGqeku wabanjwa emva kweentsuku ezilishumi yi-IPID.
Ngethuba kuqhuba ityala, uGqeku wathi akanalo ityala koko ixhoba lamonzakalisa entloko kuba laliphantsi kweempembelelo zeziyobisi.
Ixhoba nekuvakala ukuba liyintanga enye nonyana kaGqeku, lithi liyasonyanya isikhululo samaPolisa nanjengoko esi sehlo sehle kuso neyindawo ebecinga ikhuselekile.
Mlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni, uBarry Madolo, usamkele esi sigwebo watsho ebaqhwabela izandla bonke abaye babandakanyeka kuphando leli tyala. UMadolo ukuqinisekisile okokuba iNPA iyakuhlala isecaleni kwamaxhoba.