Iindaba

NPA: 'Ukubulawa kukaSombulula kungenxa yamatyala anobuzaza ebewaqhuba'

Abongile Ginya|Published

iNPA ngethuba ityelele kwikhaya loMtshutshisi uElona Sombulula waseBityi eMthatha. Kwabahleli phantsi, onxibe ilokhwe ebomvu nguMphathiswa uMmamoloko Kubayi, ecaleni kwakhe onxibe iimpahla ezimnyama nguAdv. Shamila Batohi, amagosa kaNPA kwakunye nosapho longasekhoyo.

Image: NPA

Ukuhlaselwa kubulawe obelibambela njengoMtshutshisi weNgqingqi kwaMantyi waseNgcobo, uElona Sombulula, kukrokreleka ukuba ingangunobangela wamatyala amakhulu ebewaqhuba nanjengoko kusithiwa ebethatha kanye lawo anobuzaza amatyala onqenwayo ngoogxa bakhe.

Oku kuvele ngoLwesibini kule veki ngethuba uMlawuli Jikelele kwezoTshutshiso, uShamila Batohi, kwakunye noMphathiswa wezobuLungisa noPhuhliso loMgaqosiseko, uMmamoloko Kubayi, negqiza lakwaNPA betyelele kwilali yaseBityi eMthatha kwikhaya longasekhoyo.

USombulala (30) udutyulwe ngabantu abangekaziwayo eza kungena kowabo eBityi kurhatya lwangoLwesibini kwiveki ephelileyo, ngokwengxelo yeNPA. UAdv Batohi uthi, uvile ukuba uSombulula ebezimisele kakhulu kumsebenzi wakhe kwaye ebesele ezenzele igama efika enjalo nokubonakalisa ukuzinikela. Uthi uvile ukuba ebethatha kanye la matyala onqenwayo ngabanye abeTshutshisi kuba enobuzaza.

UKubayi uthi esi senzo senzekileyo baza kuqinisekisa ukuba basebenzisana namaPolisa ukuze abenzi bobubi badibane nengalo yomthetho lutsho nosapho lukaElona luzame ukuxola. "Enye yezizathu ezibangele ukuba siphakame kwangoko sileli Sebe kungokuba asifuni sizifumane singenanbo abantu abafuna ukulandela eli khono lobuTshutshisi kuba besoyika ukuba baza kubulawa. Sifuna abeTshutshisi bethu basebenze kakuhle bangagrogriswa. Sakuqinisekisa bayabanjwa."

Umama kaElona eli kuye linxeba lesibini nanjengoko omnye woonyana bakhe wahlatywa wabhubha kwiminyaka edlulileyo. UBatohi uthi ngoku kongezeleka elinye watsho esithi nangona bengazokubuyisa umphefumlo, kodwa baza kuqinisekisa ukuba baza kwenza kangangoko ukucima le ntlungu ngokuthi bancedisane nosapho apho ludinga khona beyiNPA.

UElona Sombulula utyatyekiwe njengomntu obewuphila umsebenzi wakhe, obengenzi amatyala amancinci kwaye nooMantyi abaninzi bamncomile. Ingxelo iqhube yathi oku kubonakalise ukuba ebelijoni elilwela ubulungisa watsho uBitoh esithi kumama kaElona makazingce ngonyana wakhe.

Kulindeleke ukuba kubanjwe inkonzo yesikhumbuzo kaElona Sombulula eNgcobo. Usuku lomngcwabo luza kubengezwa nalo kungekudala.

NPA: 'Ukubulawa kukaSombulula kungenxa yamatyala anobuzaza ebewaqhuba'