Iindaba

Ubanjiwe otyholwa ngokutshisa ikhaya likaKelly Smith

Mandilakhe Tshwete|Published

UMonique Kekana uvele enkundleni ngetyala lokutshisa emva kokutshiswa kwekhaya likaJoshlin Smith eMiddelpos, eSaldanha Bay.

Image: Mandilakhe Tshwete

Owasetyhini otyholwa ngokutshisa ikhaya likaJoshlin Smith uvele kwiNkundla kaMantyi eVredenburg ngentsasa yangoMvulo.

UMonique Kekana, 27, ubephambi koMantyi emva kokuba ebanjwe ngobusuku bangoLwesihlanu kwindawo yexhwayelo eMiddelpos, eSaldanha Bay.

Esi sehlo senzeke kwiiyure nje ezimbalwa emva kokuba umama wale ntwazana eneminyaka emithandathu ubudala, uRacquel ‘Kelly’ Smith, isithandwa sakhe, uJacquen ‘Boeta’ Appollis, kunye nomhlobo wabo uSteveno ‘Steffie’ van Rhyn befunyenwe benetyala lokuxhwila nokuthubelezisa umntu yiNkundla ePhakamileyo yaseNtshona Koloni.

UJoshlin waduka kwikhaya lakhe nge19 kweyoMdumba 2024.

Wayejongwe nguAppollis ngethuba wayenyamalala malunga nentsimbi yesibini emva kwemini. Akazange aye esikolweni, umama wakhe wathi wayengaphilanga, kwaye iyunifomu yakhe yayimdaka.

Esi sithathu sabanjwa kwiiveki ezimbini emva kwesi sehlo.

Isithethi samapolisa uLieutenant Colonel Malcolm Pojie uthe: "Isikhululo samapolisa saseSaldanha sibhalise ityala lokutshisa ukuze liphandwe emva kokuba indawo yokuhlala kaKelly Smith eMiddelpos itshatyalaliswe ngumlilo. Kwabanjwa ibhinqa."

UKekana uvele ngokukhawuleza enkundleni waza wakhetha igqwetha likaLegal Aid ukuba limmele.

Lo mama wabantwana ababini kulindeleke ukuba abuyele enkundleni ngomhla we12 kuCanzibe ukuze afumane iinkcukacha zebheyile. Ubekwe ityala lokutshisa.

Ummelwane, uJanine Frans, uthe eli tyotyombe belisetyenziselwa iziyobisi, kwaye kwabakho ingxoxo phakathi kwabahlali ngelithi malisuswe.

"Kwakukho itheko kufutshane nendlu kaKelly, kwaye sathetha ngeengozi zokuba nale ndlu njengoko yayimi ingenamntu.

"Sibone abantu abasebenzisa iziyobisi bengena bephuma kule ndlu. Sathi soyika ukuba bangagqibela bexhaphaza abantwana bethu, bathathwe bathengiswe. Wayitshisa ngaloo mini kuba uKelly nabanye bafunyaniswa benetyala.

"Uluntu lwamxhasa. Umtyholwa emva koko wathi uza kuyitshisa indlu. Wahamba ke walitshisa ela tyotyombe."

Kusasazeke ividiyo kaKekana obebonakala enxilile.

Wavalelwa emva nje kokuba kuthathwe le vidiyo.

Emva kokutshatyalaliswa kwale ndlu, amapolisa afika ngeCawe ezogrumba apho eli tyotyombe lalimi khona.

Omnye umhlali, uNatasha Maarman, uthi ukuba lalingatshiswanga eli tyotyombe babezazibuza ukuba akukho nto ingcwatywe phantsi kwalo.

"Besifuna ukwazi ukuba ingaba akhona na amathambo kaJoshlin angcwatywe pha. Ukuba uJoshlin ukhe wabuyela ekhaya, siza kulwela ukuba anikwe uNatasha Andrews, kuba asifuni ukuba abuyele kweli tyotyombe.

"Akukho mntu obehlala pha, kwaye sonke besisoyika xa abantu bengena ngefestile batshaye iziyobisi pha."