Amapolisa akhangela abarhanelwa abahlanu abaphange ibandla eGqeberha.
Image: Sean824/iStock
AmaPolisa aseMpuma Koloni aphantsi phezulu ekhangela abarhanelwa abahlanu (5) abaphange amalungu ebandla engaphakathi ecaweni eseGreenfields, eBooysens Park, eGqeberha.
Ngokwengxelo yamaPolisa ithi, la madoda angene kule cawa ngorhatya lwangoMvulo exhobe ngemipu abe ezogqume nobuso naye athatha iifowuni zamaxhoba angapha kwamashumi amahlanu (50) inani.
UCaptain Andre Beetge uthi, aba barhanelwa ukugqiba kwabo athathe imoto kaMfundisi webandla iToyota RAV4 emhlophe umbala, neye yabhaqwa beyinyengeze eChatty 5. Imoto ithathiwe ngamaPolisa nanjengoko isaphononongwa ngokophando.
Kubongozwa nabani na onokuba nolwazi malunga nabarhanelwa ancedisane namaPolisa, ngokuthi atsalele uDetective Constable Enrique Louw kule nombolo 071 570 0628 (SAPS Chatty) okanye ku08600 10111.
UBeetge uthi okwangoku akukabikho obanjiweyo.