Ingozi eyenzeke ngoMgqibelo eMpuma Koloni nethe yasuba imiphefumlo yabantu abayi (15)
Image: DoT
ISebe lezoThutho eMpuma Koloni libongoza izihlobo zamaxhoba alishumi elinesihlanu (15) athe abhubha ngoMgqibelo kwingozi eyehle kwindlela uR63, ukuba aye kufanisa imizimba nanjengoko kusenzima ukuyazi.
Ngokwengxelo yesithethi seSebe u-Unathi Binqose, uthi imizimba ikugcino lukaRhulumente eRhini, apho kuza kwenziwa khona uqhaqho, kwaye kukwalindeleke nokuba kuqhube inkqubo yokufaniswa kwemizimba.
UBinqose uthi into eyenza kubenzima ukuba aziwe kwangethuba amagama amaxhoba, kungokuba khange akhwele erenkini yezithuthi zika wonke-wonke apho kuye kubhaliswe amagama. Uthi mathathu amaxhoba athe akwazi ukufaniswa ngamagosa, esebenzisa izazisi ezifunyenwe kuwo.
Amaxhoba ebesuka eQonce esiya eKapa, eNtshona Koloni.
Izihlobo okanye lowo onommelwane ongafikanga endlini makatsalele uCaptain Fete (SAPS Maqoma) ku082 090 2742 ukuqinisekisa.
ISebe lidlulisa amazwi ovelwano kwiintsapho zamaxhoba ayi15 abhubhileyo.