Umtshutshisi ongasekhoyo uElona Sombulula.
Image: Uthunyelwe
IGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) lithi likubona njengendelelo eyokuhlasela abomtetho nabalwa ulwaphulomthetho, oku kuza emva kokuba kuthe kwadutyulwa kwabulawa obelibambela njengoMtshutshisi weNgqingqi kwaMantyi waseNgcobo uElona Sombulula.
USombulula (30) ebesemncinci ngokweminyaka kodwa ebesele eliqaqambisile igama lakhe kwezomthetho. Wangena kwaNPA ngo2022 ngenkqubo yoqeqesho lwabeTshutshisi.
Ngokwengxelo yesithethi seNPA, uLuxolo Tyali, uthi uSombulula udutyulwe ngoLwesibini kule veki eMthatha.
"Esi senzo sisothusile kwaye sibonakalisa ukudelela ingalo yomthetho. Sililisana nosapho, izihlobo kwanoogxa bakaSombulula malunga nesi sehlo simbi kangaka," utshilo uTyali.
OnguMlawuli weeNkundla eMpuma Koloni uBarry Madolo, nowothuswe sesi sehlo, uthe uSombulula ngomnye wabo bebegqamile kweli candelo kwaye esebenzela uluntu loMzantsi Afrika ngokuzinikela.
UTyali uthi icandelo lesiPolisa eMpuma Koloni lenza kangangoko ukuqinisekisa ukuba abo bajongene nesi senzo bayabanjwa kwaye bangena ezincwadini, kwaye iNPA iza kusebenzisana namaPolisa.
Unobangela wokubulawa kukaSombulula okwangoku awukaziwa.
iNPA ikwabongoza uluntu ukuba luyincedise ngalo naluphi na ulwazi malunga nesi sehlo.
OnguMlawuli weeNkundla kuzwelonke, uAdv Shamila Batohi, naye ukukhalimele ukubulawa kukaSombulula.
Usuku lomngcwabo alukaziwa nanjengoko kusekutsha, lakwaziswa kungekudala.