Aphinde agwetywa amadoda amane, ababini kubo bayazalana nabaqhwesha kwijele yaseMpuma Koloni.
Image: File
Songeziwe isigwebo kwisine (4) samadoda, kuso kuquka nababini (2) bosapho olunye baseMpuma Koloni, bekunye noogxa babo ababini emva kokuba bathi baqhwesha kwijele yaseWhittlesea ngenyanga yoKwindla ka2024, nababebanjwe kweyeThupha ka2020.
Aba bahlobeneyo nguMzuvukile Mzimkhulu (38) kwakunye noLundi Mzimkhulu (38) neyayingamabanjwa kule jele yaseWhittlesea, abanye nguKhanyiso Dlali (26) noSibusiso Nzuzo (40), oku kuza emva kokuba bathi balwisana namaDindala ale jele kuba ezama ukuqwesha nalapho baye bathatha ngenkani imipu, iifowuni, impahla kamakufanwe kwakunye nezitshixo emva koko bawavalela kwindlu yangasese la maDindala.
Ngokwengxelo yesithethi seeHawks, uW/O Ndimphiwe Mhlakuvana, uthi kwaqaliswa ukuphandwa nokhangelo lwala madoda kwangosuku lokuqala beqhweshile de babhaqwa kwinyanga yesithathu beqhweshile. Aba babini bakwaMzimkhulu babhaqwa liqela elijongene nophando leeHawks kwakunye neTactical Response Team (TRT) kwidolophu yakuKomani behamba ngemoto ebiweyo nemipu engenazo iimpepha.
Ingxelo ithi, imoto le babehamba ngayo kwanompu owafunyanwa kubo kuvakala ukuba bazixhwila kwiPolisa laseMdantsane eMonti emva kokuqwhesha kwabo. NgoLwesibini kule veki umhla wama29, uMantyi uye wabanika esinye isigwebo esongezelela kwezo bebenazo ngaphambi kokuba baqhweshe – ngoku bajongene namatyala okuphanga, ukuxhwila kwanokuqhwesha ejele.
Iqhuba ithi ingxelo, oko babebanjiwe babengaphakathi bemane ukuxoxa ngeentsuku zabo baphinde babuyele eziseleni de babe bayagwetywa izolo. UMhlakuvana uthi esinye isibini esasiqhweshe ejele nabakwaMzimkhulu, uDlali noNzuzo, baye bagwetywa iminyaka eyi28 bengaphakathi ejele malunga netyala lokuqhwesha kwanelokuxhwila isibham.
Obambele njengeNtloko yeeHawks eMpuma Koloni, uBrigadier Romeo Fredick Petrus, uqwhabele izandla oogxa bakhe kwanokuqinisekisa ukuba amabanjwa la afumana isigwebo esibafaneleyo nesiqatha.