Umonakalo owenziwe ngumlilo kwisikolo samabanga aphakamileyo iRiverlea eGauteng.
Image: Uthunyelwe
ISebe lezeMfundo laseGauteng liqinisekise ukuba umlilo wenzeke kwisikolo samabanga aphakamileyo iRiverlea ngeCawa, kwaye utshabalalise amagumbi okufundela alishumi elinanye.
NgokukaMphathiswa uMatome Chiloane, iingxelo zokuqala zibonisa ukuba umlilo uqale malunga nentsimbi yesithandathu ngorhatya kwigumbi lokufundela elingasetyenziswa waza wanwenwa ngokukhawuleza.
"Oku kukhokelele ekutshatyalalisweni kwebhloko yonke enamagumbi okufundela alishumi elinanye. La magumbi okufundela alishumi elinanye atshe aphela kunye nefenitshala yawo. Kula magumbi okufundela achaphazelekileyo, amane kula magumbi ebesetyenziswa ngabafundi bakwaGrade 8, logama amanye ebengasetyenziswa," utshilo uChiloane.
Umonakalo owenziwe ngumlilo kwisikolo samabanga aphakamileyo iRiverlea eGauteng.
Image: Uthunyelwe
Ukwathe izindlu zangasese zamakhwenkwe zitshatyalaliswe kwaphela, kwaye bonke abafundi abangamakhwenkwe kwesi sikolo baza kuchaphazeleka koku.
Ngethamsanqa, zonke izikolo kwilizwe liphela zivaliwe iveki yonke.
"ISebe lezeMfundo laseGauteng lisebenza ngokukhawuleza ukuqinisekisa ukuba ukufunda kuyaqhubeka ngaphandle kokuphazamiseka okungakho xa kuvulwa izikolo ngoMvulo, umhla wesihlanu kuCanzibe 2025.
Umonakalo owenziwe ngumlilo kwisikolo samabanga aphakamileyo iRiverlea eGauteng.
Image: Uthunyelwe
"Kwenziwe isicwangciso sethutyana sokusebenzisa iholo yesikolo ukulungiselela abafundi abachaphazelekayo logama kusaqukunjelwa amalungiselelo okuhanjiswa kwamagumbi okufundela azizindlwana (mobile classrooms) amane anefanitshala epheleleyo ukuthatha indawo yamagumbi atshileyo," uqhube watsho uChiloane.
Ngethamsanqa, ezinye iziseko zesikolo zisamile, kwaye izinto zizo kuqhuba njengesiqhelo kwamanye amabanga ngaphandle kwemingeni emikhulu. Kuthiwa bamalunga nama230 abafundi abaza kuchaphazeleka ngokuthe ngqo ngulo mlilo.
Umonakalo owenziwe ngumlilo kwisikolo samabanga aphakamileyo iRiverlea eGauteng.
Image: Uthunyelwe
"Siyasigxeka esi senzo singenangqiqo sokutshabalalisa ngeyona ndlela. Uhlaselo lwesikolo luhlaselo lwekamva lelizwe lethu, kwaye izenzo ezilolu hlobo kufuneka zithathelwe ingqalelo," utshilo uChiloane.
Ukwabongoza uluntu ukuba luze ngaphambili nalo naluphi na ulwazi.
"Sicela nabani na onokuba nolwazi malunga nesi sehlo ukuba ancedise abezomthetho kuphando lwabo. Sizibophelele ekuxhaseni uluntu lwesikolo samabanga aphakamileyo saseRiverlea kwaye siza kubonelela ngohlaziyo olungakumbi njengoko imeko isiya ikhula," utshilo uChiloane.