Owombutho ongenanto nakwenza naRhulumente iMashweme Foundation NPO uSixolisiwe Siwe Maselana.
Image: Uthunyelwe
Ukuba amanina angahlala ebamba iindibano ewodwa ezingobandakanyo ekuhlaleni, ukwakhana, ukuxhasana, kwanokukhulisana, angabheka phambili futhi abezizo neenkokheli, oku kuvele kwindibano yamanina asematsha ebibanjelwe eMeyers Motors eMonti, apho umbutho ongenanto nakwenza naRhulumente iMashweme Foundation ibikhwebe iindidi zamakhosikazi asematsha aseBCMM aneenjongo zokuphuhla kwaye aqaqambe kwiindawo akuzo kuquka kwezoshishino, kwezopolitiko, nobunkokheli.
Umsunguli weMashweme Foundation noyinzalelwane yaseQonce, uSixolisiwe Siwe Maselana, lo mbutho wawuthiya ngomntu owamkhulisayo kwaye owayeyinto yonke kuye, nathi eyilento ayiyo nje kwaye nala mandla anawo okuzimela ngumakhulu wakhe nongasekhoyo uMashweme.
IMashweme yasekelwa ukuba ibelithemba kwabangenalo kwaye igxile kumanina kwanabantwana abangamantombazana. IMashweme Foundation ime ngemilenze emine, yenza utyelelo ezikolweni kubantwana abangamantombazana, ilwa izenzo zoxhaphazo, iGBV ngamanye, icebisa nangezakhono, okokugqibela ibambe neendibano zamanina ezishukuxa imiceli-mngeni ejongene nawo.
UMaselane uthi liphupha lakhe ukubona amanina ezibandakanya kwizinto ezithi zibaphuhlise futhi ziphuhlise nabanye, kwaye abazinkokheli nasekuhlaleni ngokwenza utshintsho ukuze babheke phambili. Uqhube wathi amanina mawangabinavalo angene kwizikhundla zoPolitiko angoyiki ukuyokwenza utshintsho.
UMaselana unesidanga kubuNzululwazi kwiPolitiki (Honours Degree in Political Science) kwiYunivesithi yaseFort Hare, uqale ezantsi njengabanye wanguye noCeba eQonce, wabanguye noMbhexeshi weBhunga likaMasipala iBCMM, ukuze abe ufikelela kwisikhundla akuso sithetha nje sokuba nguCeba oyiNtloko kuPhuhliso loQoqosho neeArhente kuMasipala oMbaxa iBuffalo City. Le nkosikazi ivale ngelithi nayo ngokomnqweno ifuna ukuba amanina angene kweli candelo. USiwe ukwanguye nomama kubantwana bakhe abathathu.
Amanina anezikhundla zawo naneNPOs zawo ebezimase le ndibano, injongo ibikukwakhana nawo, azibonakalise ukuzimisela ngokuthi azibophelele ukuba ulowo nalowo kwindawo akuyo uyakuthi abesisibane ukuze abeluncedo kwabo baludingayo kwaye bengenalwazi.
Izithethi ebeziphambili kule ndibano yencoko yamanina nebithetha ngokubaluleka lobandakanyo nguGqirha Sibongile Mandondo-Nkentane, uNolu Mhlola-Miza wombutho ojongene nokuphuhlisa amanye amanina iStill She Bloom kwakunye noLwandy Ngebs okwezoshishino kwicandelo leemoto nokwakungumnikazi weendawo zokutya eQuigney.
Amakhosikazi ebeyinxalenye yendibano yeMaShweme Foundation eMonti.
Image: Phanda Mzansi
EKUQALENI NGU: Thandie Magqeleba, Nolu Mhlola-Miza, Siwe Maselana, Dr Sibongile Madondo-Kentane kwakunye noMfundisi Pam Daweti.
Image: Phandas Mzansi