Kugwetywe umthandazeli ngokubhubha kwenkwenkwana ebeyinyanga.
Image: File
INkundla kaMantyi yaseRhini igwebe inkosikazi engumthandazeli yelokishi yaseJoza, negama layo elinguNtombentsha Limbo (57), iminyaka elithoba (9) nangona emihlanu (5) kuyo ixhonyiwe, emva kokuba kuthe kwabhubha inkwenkwe eneminyaka elishumi (10), ebiyokuthatha intsebenzo yonyango kwakhe.
Oku kwenzeka ngomhla wesine kwinyanga kaOkhthobha ngo2023 eJoza, apho umfi ogama linguAgcobile Busakwe, waye woyisakala, ephelelwa ngamandla emva kokugajiswa ngepheyile elikhulu ngulo mthandazeli. Inkwenkwana le yayisiwe ngutata wayo kulo mthandazeli, emva kuqapheleka ukuba impilo ayintlanga kwaye ayiqhubi kakuhle nasesikolweni.
Ingxelo ephuma kwisithethi seNPA eMpuma Koloni uLuxolo Tyali, ithi umntwana wafika kwamthandazeli engumqabaqab,a encokola notata wakhe. Ukuqalisa ukugula ngamandla, iqale kweli khaya emva kokuba ekhale ngokuphelelwa ngamandla, wabe ehambisa emva enikwe ipheyile eilkhulu eligcwele amanzi anetyiwa okuba asele azokugabha.
Umntwana uxelele utata wakhe ukuba akaziva mnandi uya ephelelwa ngamndla. Utata womntwana wabiza umama umthandazeli, nowaye waqiniseka ngokumnyanga akasihoya isikhalo somntwana. Waxelela utata womntwana ukuba umntwana ulawulwa yimimoya emdaka, notata wakholelwa, ze wancedisa kwakhona kuba efuna kuncedakale unyana wakhe. Le nkwenkwana, yacela ukulala ethangeni kutata wayo ngethuba behleli esofeni ngelo xesha abe amehlo sele ejike ebomvu krwe.
Ingxelo iqhuba ithi ngalo lonke eli xesha wabe umama uLombi exakekileyo ehoye abanye abaguli ebanyanga. Ekubuyeni kwakhe kwabanye, lo mama waphinda wayalela ukuba makuze elinye ipheyie eligcwele qhu kwakhona azokucinywa ngalo umntwana ekuloo meko injalo. Ngelo xesha wabe umntwana esiya ebheka phambili ngokugula kungekho tshintsho okanye bungcono, emana ukukhala ecela utata wakhe ukuba makathethe nomama umthandazeli amyeke kuba uziva ingathi uzakufa. Utata womntwana waye waqaphela ukuba uhlobo unyana wakhe aphefumla ngalo lunomohluko kwaye kuphuma nogwebu emlonyeni.
UTyali uthi, omnye wabanyangwa kweli khaya wacebisa ukuba kubizwe imoto yezigulana, wabe utata womntwana ebaleke waya kwiKlinikhi ekufutshane eyokuchaza le ngxaki ngonyana wakhe, nowacetyiswa ukuba makeze naye umntwana. Utata ngokukhawuleza wacela imoto ukuba ise umntwana eKlinikhi, nowaye woyisakala wabhubha sele engaphakathi.
Ngethuba kuqhuba ityala, uMtshutshisi weNkundla yeNgingqi uKhwezikazi Mankonti, wabeka ubungqina bukatata wexhoba, walandelisa ngeziphumo zengxelo yoqhaqho. Ugqirha waye naye wabeka obakhe ubungqina esithi ukuba umntwana ebemanyelwe esaqala ukukhala emva kwepheyile yokuqala, izintso zakhe kwakunye nengqondo yakhe ngezingazange zoyisakale. Ingxelo kagqirha yaqhuba yathi nomntu omdala owayenokunikwa amanzi angangeelitha eziyi-15 wayengenokwazi ukuba umzimba wakhe umelane noko.
UTyali uthi, oku kufunyanwa kwale nkosikazi inetyala de igwetywe, ingakumbi umntu onyanga ngokwakwamoya kufanele kubonise abanye abenza le misebenzi ukuba mabenze oku ngeyona ndlela inenkathalo, kwaye kwenziwe ngokusemthethweni kungade kuphume umphefumlo, abo befunyenwe besenza oku bazakutshiswa nabo bagwetywe.