Imidlalo eyahlukeneyo kumabala iUpper Makhuzeni eImpendle apho kwazalelwa khona uMkomishinala wamaPolisa aseKZN uNhlanhla Mkhwanazi.
Image: SAPS
Ulutsha lwelali yase'Impendle eMgungundlovu luchithe iintsuku zePasika kwibala iUpper Makhuzeni nekulapho kwazalelwa khona ongundabamlonyeni uMkomishinala wamaPolisa aKwaZulu-Natal, uLieutenant General Nhlanhla Mkhwanazi, nothe waququzelela le tumente yezemidlalo.
Le nkquleqhu, nebizwa ngokuba yi-#SportAgainstCrime Easter Tournament, iinjongo zayo kukukhwebula abantu abatsha kwizehlo zolwaphulomthetho.
ULieutenant Mkhwanazi uthi le nkquleqhu injongo yayo ibikukuzama ukugcina ingqondo yolutsha ixakekile ngezi ntsuku ukuze lungabheneli kutywala nakwiziyobisi.
Imidlalo eyahlukeneyo kumabala iUpper Makhuzeni eImpendle apho kwazalelwa khona uMkomishinala wamaPolisa aseKZN uNhlanhla Mkhwanazi.
Image: SAPS
Belungapha kwamawaka amabini ulutsha obelungungelene kumabala aseUpper Makhuzeni.
“Sihlaba ikhwelo koosomashishini bakucala nakuluntu ngobubanzi luxhase le tumente ibenkulu nangaphezulu. Ngumnqweno wam ukuba rhoqo ngeeholide zesikolo nangeempelaveki ezinde, abantu abatsha bahlale bexakekile zizinto ezakuthi zibakhe. Ikwaluxanduva lwethu njengabantu abadala ekuhlaleni ukuba sikhulise kwaye silukhusele ulutsha lwethu, kwaye sisoloko silukhuthaza ukuba lubezizinto neenkokeli zangomso,” utshilo uLieutenant General Mkhwanazi emabaleni xa ebedlulisa izipho zamaqela aphumeleleyo.
UMkomishinala wamaPolisa uNhlanhla Mkhwanazi ekowabo ekhuthaza ulutsha ukuba luziguzule kwizenzo zolwaphulomthetho lungazibandakanyi neziyobisi.
Image: SAPS
Iintshatsheli zeNhlanhla Mkhwanazi #SportsAgainstCrime Easter Tournament ibiliqela le bhola ekhatywayo iWydad.
IWydad ifumene iimbasa zegolide, indebe, ikiti entsha kwakunye neR10 000.
Yona iAtlanta FC, ifumene iimbasa zesilivere, ikiti entsha kwakunye neR5000.
Amaqela aphumelele kwindawo yesithathu neyesine afumene iR3000 neR2000 ngokohlukana kwawo. Iqela lebhola ekhatywayo lamantombazana elibethe amaPolisakazi aseMidlands lifumene ibhola entsha, iimbasa zegolide neR2 000 ngaphezulu. Abaphumeleleyo kwibhola yomnyazi baphumelele iR1000 nekiti entsha.