UMbuyiseni Ndlozi uthethelele owayesakuba yinkokeli yakhe kwiintetho zikaKenny Kunene zamva nje ezinyelisayo.
Image: Oupa Mokoena / Independent Newspapers
Owayesakuba lilungu lePalamente le-EFF uMbuyiseni Ndlozi uthethelele owayesakuba yinkokeli yakhe uJulius Malema, nochazwe kutshanje "njengenkwenkwana, ijoni lokudlala nomntu nje odikayo."
La mazwi athethwe nguSekela Mongameli wePatriotic Alliance uKenny Kunene kwiveki ephelileyo emva kwengxelo kaMongameli waseMelika uDonald Trump obephindaphinda esithi izinto ezimbi ziyenzeka eMzantsi Afrika kwaye ngenxa yoko, akazukuya kwindibano yeG20 kweyeNkanga kulo nyaka.
Ethetha kwiPodcast and Chill with MacG, uNdlozi, osandul’ ukungena kwiPowerFM njengomsasazi emva kokuba ethe wayishiya iEFF emva kokungaboni ngasonye noMalema ngokungaxeleli iinkokeli zalo mbutho ngeenjongo zikaFloyd Shivambu zokuzimanya neMK Party, umthethelele owayesakuba yinkokeli yakhe kwiintetho zikaKunene.
"Umsebenzi womntu olwela inkululeko kukuhlala exhokonxa. Kwaye ndicinga ukuba akufuneki sirhoxe senze abantu abacula uDubuli Bhunu (Kill The Boer) bajongeke kakubi. Sicula iDie Stem yonke imihla xa sicula umhobe wesizwe.
"Akufunekanga sithobele, nokuba ufuna ukwenza ubudlelwane obufanelekileyo bamazwe ngamazwe, unokwenza umyalezo ofanayo nalowo uKenny afuna ukuwenza ngaphandle kokwenza uDubuli Bhunu ubonakale njengento embi.
"Kulo mcimbi kufuneka sonke sithathe icala likaJulius kuba lilifa lethu eli, ibalulekile le ngoma.
"Nangomhla siwufumene umhlaba [siza kucula le ngoma]. Akukho budlelwane phakathi kokucula le ngoma [nentiyo], nangexesha lomzabalazo, [ayikho] intiyo yobuhlanga ngakubantu abamhlophe," utshilo.
UNdlozi uthe amagqala omzabalazo afana noWinnie Madikizela-Mandela, uPeter Mokaba nabanye abaninzi ababecula eli culo, babengabathiyanga abantu abamhlophe – ngokunjalo noninzi lwabantu abamnyama baseAfrika ngokubanzi.
"Zange ndadibana nabantu abantsundu abathiye abelungu, andizange. Bonke ookhokho bethu abazange basifundise inzondo. Umama uWinnie, nditsho noPeter Mokaba, owayethanda ukucula uDubuli Bhunu, abazange basasaze inzondo," utshilo.
*Funda ibali elipheleleyo kwi-IOL.