Iindaba

Ukunyuswa kweVAT kumiselwe umhla wokuqala kuCanzibe

Mthobisi Nozulela|Published

UMphathiswa wezeMali uEnoch Godongwana uqinisekise ukuba iVAT iza kwenyuka nge0.5% ngomhla wokuqala kuCanzibe 2025.

Image: Armand Hough / Independent Newspapers

Irhafu, iValue Added Tax (VAT) iza kunyuka ngomhla wokuqala kuCanzibe 2025. Oku kuqinisekiswe nguMphathiswa wezeMali uEnoch Godongwana.

Ephendula lo mba usiwe ezinkundleni yiEconomic Freedom Fighters (EFF) neDemocratic Alliance (DA), uGodongwana ubalule ukuba ukunganyusi iVAT kwinyanga ezayo kungadala umonakalo omkhulu kwimali karhulumente.

Uthe iziphumo ziza kuba qatha kwaye zibenefuthe kwizinto.

"Urhulumente anganyanzeleka kwangoko ukuba acuthe inkcitho okanye anyuse imali-mboleko," utshilo.

Ngokwengxelo efungelweyo kaGodongwana, ipesenti yokuqala engu0.5 ekhulwini iza kunyuka ukusuka ngomhla wokuqala kuCanzibe 2025, ngelixa i0.5 ekhulwini yesibini iqala ukufakelelwa ukususela ngomhla wokuqala kuTshazimpuzi 2026.

"Ekwenzeni esi sigqibo, urhulumente wacingisisa nzulu ngegalelo elinokubakho lohlobo ngalunye lwerhafu ephambili. I-VAT ngumthombo wengeniso ofanelekileyo. Isekelwe ngokubanzi, kwaye uyilo lwayo lulula inezitenxo ezincinci.

"Ngaphezu koko, izinga leVAT yoMzantsi Afrika lisephantsi xa lithelekiswa namazwe afana nalo," utshilo.

UGodogwana uphinde watyhola iDA ngokuwufunda gwenxa umthetho weVAT.

Ethetha noonondaba kutyelelo eMpuma Koloni kule veki, uMphathiswa uthe "akazibophelelanga nakweyiphi na ipesenti okanye ukonyuswa" kwale rhafu.

*Funda ibali elipheleleyo kwi-IOL.