Iindaba

Lichithiwe ityala lokubulala ebelijongene nomsasazi kaSizok'thola kwaye uyabuya!

Abongile Ginya|Published

UXolani Khumalo nobengumsasazi wenkqubo elwa ukusetyenziswa kweziyobisi eMzantsi Afrika ethi Sizok'thola ubuyela kule nkqubo emva kweminyaka emibini kuqhawulwe ubudlelwane naye neMoja Love.

Image: File

Obekade ejongene netyala lokubulala uXolani Khumalo nongumsasazi wenkqubo ethi Sizok'thola kuMoja Love, uyabuya kwakhona nale nkqubo nalapho iza kube kwisizini yesine, emva kokuba uMoja Love wayeqhawule ubudlelwane kwakunye noKhumalo ngoNovemba ka2023. Ukubuya kukaKhumalo kubhengezwe nguMoja Love.

Le nkqubo idumile, kwaye ithandwa kakhulu kuba ilwa ukusetyenziswa kweentlobo ngeentlobo zeziyobisi ekuhlaleni, ikwavumbulula ezi ziyobisi kwimizi yabo boyikwayo ekuhlaleni.

UKhumalo ebekade ejongene namatyala afana nelokubulala, ukuqhekeza kwanokonakalisa umzi wowaziwayo othengisa iziyobisi eKatlehong, Ekurhuleni, ngoJulayi ka2023. NgoMvulo kule veki inkundla yasePalm Ridge Ekurhuleni, iye izityholo ezijongene noKhumalo yazichitha.

OyiNtloko kwiiNkqubo zakwaMoja Love, uLivhuwani Dagada, uthi babonile uhlobo uXolani athe wakha ngalo ubuhlobo, kwanendlela athe wasondela ngayo kwiintliziyo zoluntu loMzantsi Afrika. UDagada uthi ukubuya kukaXolani kuza kuqhubekeka kusonyusa izinga lokulwa lo mkhwa weziyobisi, esebenzisana nabo bomthetho.

Imbalelwano ekhutshwe nguMoja Love usazisa ngokubuya kukaXolani Khumalo.

Image: Moja Love

UKhumalo, naye ukuvuyele ukubuyela kwakhona: "Ndiyakuvuyela ukubuyela kwakhona kuMoja Love, neyindawo elikhaya kum. Ndingxamele kwakhona ukuphinda ndinxulumane nababukeli kwaye ndibonakalise kwakhona italente yam kubantu baseMzantsi Afrika."

UKhumalo sele esuka naseMpuma Koloni kwidolophu yaseMonti ezokuvumbulula iziyobisi.

USizok'thola ubukade uqhutywa ngulowo uqhuba inkqubo ka X-Repo uXolani Maphanga. Isizini yesine iza kuqala ngomhla wesine (4), kwinyanga ezayo uMeyi.

Abantu kumakhasi onxibelelwano bakuvuyele ukubuya kukaXolani logama abanye bethuke uMoja Love ngelithi walaxaza uXolani.