Usapho lakwaNzulwana lufunisa ngoYanga wakuNdabakazi eGcuwa nekuthwa umane ukubonwa kwidolophu yaseDutywa, usapho lucela uncedo ngaye.
Image: Uthunyelwe
Luxhalabile usapho lakwaNzulwana kuNdabakazi oMkhulu eGcuwa emva kokuba intombi yabo egama linguYanga ithe yaqhwesha kumzi womthandazeli okwakuNdabakazi ebiyokufumana kuwo uncedo lonyango. Okuxhalabisayo kukuba uYanga uphazamisekile ngokwasengqondweni kwaye oku kubenzela elona xhala.
Uluntu olumaziyo uYanga luthe lumbonile eyantanza kwizitalato zedolophu yaseDutywa ecela imali yokutya logama abanye bathi bamthe tshe kumatyotyombe aseSkiet eGcuwa.
Ubhuti kaYanga nothethela usapho lakwaNzulwana, uNkosana, uthi bayile eSkiet uyokujonga emva kokuba abahlali kumakhasi onxibelelwano bethe bambone khona kodwa uNkosana wabuya nelize.
UNkosana uthi bayabongoza nabani na ophinde wambona bamgcine ukuze akhuseleke. Uthi ngoku abakabinayo nale yokuya eDutywa imali kungoko becela ukuba agcinwe xa eboniwe.
Kufuniswa ngenina laseGcuwa uYanga Nzulwana osele eneeveki ezintathu eduke kumzi ebenyangwa kuwo kuNdabakazi.
Image: Uthunyelwe
Olu sapho ludinga neempendulo kuba kumzi umama kaYanga ebemse kuwo ukuba anyangwe kukho oonogada. Bayaxakwa ukuba uphume njani futhi abanatyala kula mzi nanjengoko nemali aza kunyangwa ngayo besele luyidlulise yonke.
UYanga ungumculi ophum’ izandla ekwanguye nombhali. Abaninzi bayamazi kwaye bothukile bakumbona exhonyiwe kufuniswa ngaye. Le mvumi ibihlala eKapa kodwa yabuya kuba ibiseyibonakala ziyamphazamisa iziyobisi nanjengoko ebonakala ephazamisekile ngokokutsho kosapho lwakhe nabantu abathi bambonile eDutywa. UYanga sele eneeveki ezintathu edukile.
Omnye okwalilungu losapho uSiphamandla Nzulwana owacinga icebo likaFacebook nobulela inkxaso eluntwini, uthi bangadinwa abantu ngumkhondo xa bembona uYanga nangona eDutywa apho bekuthwe ubonwa khona bebengekayi ngenxa yokunqongophala kwemali. Lubongoza nabani na onokuthi ancede ukuba uyakwazi amlayishe ukuza eGcuwa atsalele usapho kwezi nombolo 073 583 2055 / 079 788 8638.
Usapho belungekavuli ityala lomntu olahlekileyo okwangoku emaPoliseni.