Iindaba

Indoda yaseGqobhasi eyabulalisa umkhuluwa wayo ngenxa ye-inshorensi igwetywe ubomi!

Abongile Ginya|Published

Aza kuchitha ubomi bonke ejele amadoda amathathu aseGqohasi eMonti agwetyelwe ukubulala isizalwana ngexna ye-ishorensi.

Image: IOL

 

ULizo Ntshoko, 50, nowabulalisa umkhuluwa wakhe uPatrick Ntshoko ,62, kuba efuna iimali ze-inshorensi, ugwetywe ubomi kwakunye nababini awayebathengile ukuba babulale umkhuluwa wakhe, abo nguZuko Ngudlane (32), noXolisa Galala Ngxeke (38), begwetywa yiNkundla ePhakamilyo yoMzantsi Afrika ebichophe eMonti.

ULizo waqasha uNgudlane noNgxeke ekubeni babulale umkhuluwa kuba engxamele imali ye-ishorensi eyiR260 000, watsho esithi umntu emnye uzakumbhatala iR10 000. Bonke aba bahlala kwilokishi yaseGqobhasi kude kufuphi naseBeacon Bay eMonti.

Ingxelo ephuma kwisithethi seNPA uLuxolo Tyali ithi, phambi kokuba uLizo abulalise umkhuluwa wakhe wamthatha wamsa kwibhanki kaCapitec eBeacon Bay beyokujonga izinto zepolisi apho wanyanzelisa umkhuluwa ukuba athathe ipolisi yokufa yeR100 000 kwaye ibenguye Lizo oza kubangumxhamli ophambili xa ebhubhile uPatrick.

EGqobhasi uPatrick wayesaziwa ngegama lokuba ngu'Nongalwana’ kuba wayenengalo enye ngenxa yengozi yemoto eyayenzeke kudala.

U'Nongalwana’ wabhaqwa ngaseBonza Bay sele ebhubhile enamanxeba okuhlatywa sesi sibini. Oku kwenzeka ngomhla we13 kuApril ka-2023.

Ingxelo yeNPA iqhuba ithi uLizo zange akhuphe nesenti emdaka ngamalungiselelo omngcwabo womkhuluwa wakhe. Kwaye usapho beselohluke phakathi kukho abathethelela uLizo  ngelithi umsulwa akananto nakwenza noku, kwabe kukhona abathi uLizo unetyala kuba ukwenzile oku.

Ngethuba kuqhuba ityala esi sithathu samadoda saxelela inkundla yaseMonti ukuba asinatyala.

Omnye kwesi sithathu uNgudlane ebekade engaphandle ngengqawule nanjengoko wayegwetyelwe ukubulala ngo-2016.

OnguMlawuli weeNkundla eMpuma Koloni uBarry Madolo, usamkele esi sigwebo.