Owaziwayo ngamagwijo uMr Vee Sholo noAzola 'Minister' Jezile kwisitudiyo seVeectory Music Production besazisa ingoma ka'Minister' ethi 'wawukuphi'
Image: FACEBOO
Azola 'Minister' Jezile obhiyozela igwijo lkhe elizakuphuma ngempela veki yePasika elithi 'wawukuphi'
Image: FACEBOOK
Azola 'Minister' Jezile ubhiyozela igwijo lakhe ekulindeke ukuba liphume kule mpelaveki yePasika elithi 'wawukuphi'. UJezile ukwanguye nomphathi matheko uMC.
Image: FACEBOOK
Owaziwayo ngokuphatha amatheko nowayesayakuba ngumsasazi nowaphumelela imbasa kwezosasazo uAzola Jezile nowaziwa ngelikaMinister igama, akawuvali umlomo luvuyo emva kokukhupha ingoma eyeyakhe neligwijo elithi ‘Wawukuphi’.
Kule ngoma le mvumi isebenzisene nowaziwayo osele ezenzele igama kumagwijo okonwabisa emathekweni, emigidini nasemitshatweni uVuyisani 'Mr Vee Sholo weVeectory Music Production.
UJezile, 29, noyinzalelwane yakuCentane nosele ngoku ezinze kwidolophu yaseGcuwa nowayengumsasazi kwiKhanya Community Radio, uthi ngaphandle koncedo lukaMr Vee Sholo ngeyingekho ingoma.
“Ndifumene umyalezo (voicenote) kuMr Vee Sholo ngenye imini esithi kum makhe ndisondele kwisityudo sakhe siphekhe into kuba esithi uyayibona italente apha kum. Yonke ke lento iqale ngoJune ndiyizulisela kodwa uye waqhubeka endigqogqa nam ndathi makhe ndiyiphe ithuba,” utshilo uJezile.
UJezile uthi le ngoma yamkelwe ngezandla ezishushu kwaye ilindelwe kakhulu ngabathandi bomculo wesiNtu nanjengoko sele igcwele kumakhasi onxibelelwano.
Uqhube wathi okunye okumonwabisayo ngale le ngoma abantu bayonwabele ngethuba bexhome ividiyo yemizuzwana embalwa ngeenjongo zokurhalisela abalandeli nede yabe kwabelwana ngayo nangoosaziwayo abafana noAce Ncobo kwakunye noPutco Mafani besithi mayize ebantwini ingoma ivuthiwe.
UJezile utyibeke uMr Vee Sholo ngemibulelo: “Kumnandi ukusebenza no bhuti Vuyisani kakhulu nangona ingumntu ongadlaliyo emsebenzini , uyazimisela ezinikela futhi elokudlala akanalo. Ndizibona ndiqhubekeka nokwenza umculo naye nanjengoko ingumntu ochubekileyo kwaye ingumntu okwaziyo ukusebenza nabantu”.
Eli phephandaba Isolezwe lesiXhosa licaphule intetho kaMr Vee Sholo kwividiyo ekwiphepha lakhe kufacebook apho ebemamele le ngoma ethi 'Wawukuphi' neveliswe nguye. UMr Vee Sholo ubongoza uluntu ukuba lunike inkxaso okaJezile: "Umntwana usemtsha yinto yakhe yokuqala. Ndicela nimxhase ngokuthi nabelane ngale ngoma ethi 'wawukuphi ngezintsuku'."
Le single izofumaneka kuwo onke amaqonga omculo ukusukela ngomhla wama-18 April kule nyanga nezakube kuqala iPASIKA!.
UJezile uyafumaneka kuwo onke amakhasi onxibelelwano xa unemibuzo, kwaye nabo bafuna ukuba abe ngu'MC' kumatheko abo.