Iindaba

Usapho lukaChris Hani aluyithandi into eyathethwa nguJanusz Walus

Abongile Ginya|Published

Janusz Walus, owagwetywa ngokubulala uChris Hani ngonyka ka-1993.

Image: Ogciniweyo

Usapho letshantliziyo lomzabalazo, uThembisile Chris Hani, libongoze ulutsha lakuSabalele, eCofimvaba, ukuba lizikhusele iziseko ezakhiwe nguRhulumente ngoba leyo iya kuba yindlela echanekileyo yokukhumbula iqhawe lesizwe.

Othethele ikhaya, uMphatheli Hani ukutsho oku namhlanje emcimbini obuququzelelwe nguRhulumente ngomhla ekhukhunjulwa uHani, owabulawa ngomhla weshumi kwinyanga kaTshazimpuzi ngonyaka ka1993.

UMphatheli Hani uthe uhlobo ulutsha lakuSabalele neziphaluka (ingakumbi uWadi 1) olungamkhumbula ngalo utata wakhe ophakathi,  kukuba kugadwe zonke izinto zikaRhulumente kwilali yakuSabalele.

"Lihlazo eli lamaziko agqekezwayo, iipali zombane ezisarhwayo nebhodi enobuso bukaThembisile. Enye elapha iphantsi ngalo mzuzu. Mhlawumbi ngokuza kwalo msitho apha, ingalikhwelo kubantu abatsha ukuze benze ngcono kunakuqala futhi bamazi ukuba uThembisile ngowalapha,' utshilo uHani.

Uthe usapho lungangabinazo zonke izino kodwa uThembisile wabashiya nelifa elityebileyo ezintliziyweni elingasoze licime. Emva koko uMphatheli Hani, uvelele nomba wetyala likaChris Hani athe iyabakhathaza into eyathethwa ngumbulali ogama linguJanusz Walus, owathi angambulala kwakhona uHani xa enokunikwa elinye ithuba.

Isikhalo sosapho sivela kanye xa kukhula isimemelelo sokuphandwa ngokubulawa kukaChris Hani yimibutho efana neSouth African Communist Party, awayenguNobhala wayo. UMphathali uvale ngelithi kwiintsuku ezilithoba phambi kokuba abulawe uThembisile, kuninzi awakuthethayo awayethe kuzokwenzeka kweli lizwe nokwenzekayo ngalo mzuzu.

"Ngoku masithethe ngezinto awayezithethile singathi ukuba ebekhona ebezakuthi futhi isesiphi isifundo esingasifunda," utshilo uMphatheli.

Yena uMphathiswa weZobugcisa, iNkcubeko, imiDlalo noloNwabo, uGayton McKenzie, uthe makubuyiswe umbulali kaChris Hani aphinde azokuphendula  ngoba kusadingeka iimpendulo. UMcKenzie wongeze ngelithi amaqhawe akhulula eli lizwe akakawongwa ngendlela efanelekileyo.

Owayengumhlobo kaChris Hani, uMnu. uMzwandile Vena uthe uHani wayengumntu owayebathanda abantu futhi engakhethi hlanga oluthile.

"Wayeyinkokheli enenkathalo ekwakubakho utshintsho xa ifikile enkampini yamajoni, eAngola," utshilo.