Iindaba

Ababini abezanayo bagwetyelwe ukudlwengula umzala wabo!

Abongile Ginya|Published

Ababini abazalwa kunye 30,22 bagwetywe ubomi ngaphezulu yabayiminyaka elishumi ngokudlwengula umzala wabo oyintombazana nowayeneminyaka esixhenxe (7) ngo2014.

Image: NPA

 

Abafana ababini nabazalwa kunye abaphakathi kweminyaka engama (22) ukuya kuma (30) nababemana bephindaphinda bedlwengula umzala wabo, intombazanana eyayineminyaka esixhenxe (7) ngo-2014, bagwetywe ubomi yiNkundla yeNgingqi yaseGqeberha emva kokuba ibafumene benetyala lokudlwengula.

Ngokwengxelo yesithethi seNPA uLuxolo Tyali ithi, aba bezanayo abachazwanga ngamagama kuba kukhuselwa ixhoba nanjengoko besebenzisa ifani enye.

Esi sehlo sokudlwengulwa kwexhoba senzeka ngoJune ka-2014 kwikhaya labo elikwilokishi iSoweto on Sea, eGqeberha. 

Esi sehlo sokudlwengulwa komntwana zange asichaze mntwini nakubazali bakhe nakakade. UTyali uthi sivele ngo-2018, xa usisi wexhoba omdala owathi ephica iincwadi ezindala  kowabo wabhaqa ileta eyabhalwa lixhoba ibalisa konke obekusenzeka kuye.

Usisi wexhoba wagqithisa ngale leta kumama wabo. Ixhoba lachaza ukuba ngenene lalimana ukudlwengulwa ngoobhuti balo, oobhuti xa bebuzwa ngumama wexhoba baziphika ezo zityholo.

Umama wexhoba le nyewe wayichaza emaPoliseni emva koko esi sibini savalelwa.INkundla iye yabafumana benetyala yabagweba ubomi ngaphezulu yaba yiminyaka elishumi (10) umntu ngamnye.

OnguMlawuli weeNkundla eMpuma Koloni, uUBarry Madolo, usiqhwabele izandla isigqibo senkundla. UMadolo uthi oku kuya kuthi kube sisifundo esikhulu nakwabanye.