UDuduzile Zuma noyintombi wenkokheli yombutho uMkhonto wesizwe iMK, nozotywe nguAzile Rhoyi Ngcwembe.
Image: Azile Ngcwembe
Azile Rhoyi Ngcwembe ebonisa omnye womzobo awenza ngokwakhe.
Image: Facebook
Azile Rhoyi Ngcwembe ebonisa ngeminye yohlobo lwemizobo ayenza ngezandla zakhe.
Image: Facebook
Umzobi ozifundisileyo nongakhange akuyele sikolweni ukuzoba ngenxa yesiphiwo anaso uAzile Ngcwembe waseDutywa phantsi koMasipala uMbhashe, uthi ukwiphulo lokunwenisa nakwabanye esi siphiwo nanjengoko esithi mhlawumbi kukho abafana naye nabangekaziqondi ukuba bangaya kude ngokuzoba.
UNgcwembe (27), unesidanga kwizifundo ze-Infomation Technology eNelson Mandela University (NMU), amabanga aphakamilyo wawenza eSt John’s College eMthatha.
Uthi uqale esemncinci ukuzoba emana ukuzoba oopopayi. Ngo-2017 uye waqiniseka ngesi sakhono, waze ngo-2019 wamane ezoba iimbuso zabantu futhi abantu bayithande lo mizobo.
“Ngokumana ndizoba abantu bamane bencoma kwaye bendixhasa nam ndaziva ndikhuthazeka kwaye ndiqhubekeka nomsebenzi wam, “utshilo uNgcwembe.
UNgcwembe uthi akukhonto imphilisa nje ngokuzoba abantwana abasebancinci. Uqhube wathi okunye okuye kumkhuthaze nangakumbi kuxa ethe wakhathazeka, umsindo uye awukhuphele ekuzobeni kuba kufana nokuzoluleka ngokomphefulo nangokwengqondo oko kuye.
Lo mzombi ukwahlaba ikhwelo kooSomashishini nakuMasipala xa benokuthi bamxhase ngemali kwiphupho analo lokubamba umsitho wokufundisa abantu abatsha ngezi zakhono.
Akaphelelanga ukuzoba abantu uyayenza nemizobo emadongeni. Isikolo okanye ishishini elifuna ukuzotyelwa lingamkrweca. Nalowo unomdla wokuba azotywe okanye azotyelwe usapho angaqhagamshelana naye kuFacebook ungu Azile Rhoyi Ngcwembe.