Iindaba

Izihlandlo eziphandaphindeneyo zobomi kwindoda edlwengule amakhwenkwe ayi6!

Abongile Ginya|Published

Izihlandlo zobomi eziyi11 kwindoda eyahlukumeza abantwana abangamakhwenkwe ngzenzo zezondo eMotherwell eBhayi.

Image: NPA

 

Owadlwengula amakhwenkwe amathandathu (6) naselula ngokweminyaka, uThembelani Andries (31), uza kuchitha ubomi bakhe bonke ejele emva kokuba ethe wagwetywa izihlandlo eziyi-11 zobomi engaphakathi ejele, egwetywa yiNkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika nebichophele li tyala eGqeberha kwiveki ephelileyo.

UAndries (31), wadibana nala makhwenkwe naphakathi kweminyaka eyi-11 ukuya ku-13 ngokweminyaka ubudala ezidadela ngomhla wesithathu kuMeyi ngo2015.

Amakhwenkwe la ayesazidadela kamnandi emva kwebala elise-NU9 eMotherwell ngethuba ehlaselwa nguAndries. Ingxelo yeNPA ithi, wabaqhatha wababizela ngakwihlathi elikwase Motherwell kufutshane nalapho babedada khona esithi mabeze azokubabonisa iibhadi (springboks).

Isithethi seNPA eMpuma Koloni uLuxolo Tyali, uthi ekufikeni kwawo la makhwenkwe, uAndries  wabagrogrisa ngamatye ebanyanzela ukuba benze amanyala kuye. UAndries waphinda kwakhona wabagrogrisa esithi bangakhe bayithethe ukuba bayithethile uza kubabulala. Amaxhoba nawayedandathekile elimele ngokwengqondo nangokomphefumlo sesi senzo, omnye kuwo waxela kumama wakhe.

UAndries wavuma kumatyala akhe nanjengoko nofuzo lwencindi (DNA), ezathathwa kwindawo yexhwayelo zancamathela kuye ngqo.

UTyali uthi uAndries ibingelo tyala lokuqala ajongene nalo, kuvele ukuba akhona amanye amatyala anawo angaphambili.

UBarry Madolo, nonguMlawuli weeNkundla eMpuma Koloni, usamkele esi sigwebo.