UGayton McKenzie uthi abemi bangaphandle mabahambe.
Image: Backpagepix
Inkokheli yombutho iPatriotic Alliance (PA) uGayton McKenzie uphinde wasiphinda isibongozo sakhe sokugxothwa kwabantu basemzini abangekho semthethweni, esithi “Abahambe,” egxininisa ukuba abantu basemzini abangenazimpepha abasebenza kwiindawo zokutyela nabafikelela kumaziko ezempilo mabahambe.
UMcKenzie uveze ukuba abantu bamanye amazwe abangekho mthethweni ngabongamela ishishini lokutyela eKapa, eNtshona Koloni, ngelixa abemi boMzantsi Afrika bengasebenzi.
Wongeze ngelithi, nangona echazwa njengothiye abantu basemzini ngenxa yezimvo zakhe, uyamkele lonto.
“Ndiye ndayamkela lonto. Kodwa nantsi ingxaki. Yinto engathandekiyo le ongafuni ukuyiva, kodwa uza kuyiva namhlanje,” utshilo uMcKenzie kudliwanondlebe neBizNews.
UMcKenzie, nokwasebenza njengoMphathiswa wezeMidlalo, uBugcisa neNkcubeko, uye wahlaba ikhwelo izihlandlo ezininzi ukuba kugxothwe abemi bangaphandle abangekho mthethweni.
Ubange ngelithi abantu basemzini abangenazo iimpepha abanagalelo kuqoqosho lweli lizwe ngokwerhafu yeVAT, kwaye bathatha imisebenzi enokugcwaliswa ngabemi boMzantsi Afrika.
“Abasemzini abangekho mthethweni abasebenza ezindlini zenu, abasebenza kumashishini enu, anibahlawulisi iVAT. Nibashiya nabantwana benu, anibazi nokuba bangoobani,” utshilo uMcKenzie.
Ukwatyhola ngelithi abanye baba bantu babanjwa kumazwe abo ze bathi bakukhululwa bangena eMzantsi Afrika ngokungekho mthethweni.
“Abanye babo, xa besentolongweni eTopiya, xa bephuma entolongweni, beza eMzantsi Afrika. Xa besentolongweni eZimbabwe, xa bekhululwa beza eMzantsi Afrika,” utshilo.
“Bonke abantu basemzini abangekho mthethweni kufuneka balishiye eli lizwe.”
UMcKenzie uvakalise inkxalabo malunga nabemi bamazwe angaphandle abaqeshwa njengabasebenzi logama abemi boMzantsi Afrika bengaqeshwanga.
Uthe oku kuqhutywa lucalucalulo, nanjengoko abaqeshi bekhetha abantu basemzini abangenamalungelo, imibutho yabasebenzi, okanye ummeli abaya kuye ukuze bafumane uncedo okanye ukhuseleko.
“Xa uqala ukuthetha izinto ezifana nokuba, ‘Abemi baseZimbabwe ngabasebenzi abakhutheleyo, abemi boMzantsi Afrika abafuni kusebenza.’ Hayi, oku akukho malunga nabantu baseMzantsi Afrika abangafuni kusebenza. Bubuhlanga benu obu nibufihlayo, nikhetha abantu basemzini kuba abanamalungelo,” utshilo.
Uqhube wathi, egxininisa umonakalo obangelwa ngabaphambukeli abangenazo iimpepha, ingakumbi kwiziganeko zobundlobongela. “Ukuba umntu ubulele umntakwenu, udadewenu, umama wakho, kwaye akanampepha, kulapho uyakubona khona umonakalo owenziwe ngumphambukeli ongekho mthethweni.”
UMcKenzie umemelele zonke iindawo zokutyela eKapa ukuba ziyeke ukuqesha abantu basemzini abangekho mthethweni.
“Yiya kuzo zonke iindawo zokutyela eKapa, abantu basemzini abangekho mthethweni bayasebenza. Yeka ukuqesha abantu basemzini abangekho mthethweni. Fumana umntu waseMzantsi Afrika onako ukuhlawula irhafu yeVAT.”
Ukwaveze ukuba abantu basemzini abangekho mthethweni mabangafumani nyango kweli lizwe, esithi ubukho babo bunegalelo kwimigca emide kumaziko ezempilo.
“Abantu abangenayo imedical aid kufuneka beme emgceni, ufike kukho abemi baseZimbabwe abalishumi phambi kwabo,” utshilo.
UMcKenzie ukwagxeke inkqubo yolwakhiwo lwezindlu, esithi abemi bangaphandle bathatha izithuba kuluhlu lwezindlu zeRDP ezilungiselelwe abemi boMzantsi Afrika.
“Abantu abafaka izicelo zokwakhelwa izindlu kufuneka bame emgceni kuba ngamakhulu amathathu abemi baseMozambique abakuluhlu nabo lwezi zindlu,” utshilo.
Uphinde wathi i12% yabantu kwiintolongo zaseMzantsi Afrika ngabaphambukeli abangekho mthethweni, nto leyo athi yinto engaqhelekanga.
“Ndisatsho ke kuni, Abahambe, mabahambe,” utshilo.
Njengoko kuza kubakho unyulo lorhulumente wasekuhlaleni luka2026, uMcKenzie ugxininise ukuba ukugxotha abaphambukeli abangekho mthethweni, ngokukodwa abo basebenza kwiindawo zokutyela nabo bafikelela kwiinkonzo zonyango, kuza kuba yingqwalasela ephambili yePA.
“Kunyaka ozayo, xa siqala eli phulo, siza kuwo onke amashishini, onke amashishini enu aqesha abantu basemzini abalapha ngokungekho mthethweni. Siza kuqinisekisa ukuba abemi boMzantsi Afrika basebenza apho. Abayi kuba namabali,” utshilo.
“Bamkiseni ngoku abemi bangaphandle benu abakweli ngokungekho mthethweni, kuba unyaka ozayo awuzukuba lula. Uyive apha kuqala.”
Related Topics: