UMongameli uCyril Ramaphosa usancwase ukusebenza neMelika, uthi uphuculo lobudlelwane yeyona nto iphambili kubo.
Image: Itumeleng English/Independent Newspapers
UMzantsi Afrika ujonge ukuphucula ubudlelwane bawo neMelika "njengeyona nto iphambili," utshilo uMongameli Cyril Ramaphosa ngoMvulo emva kokuba iWashington igxothe unozakuzaku woMzantsi Afrika.
Ukungavisisani phakathi kwala mazwe mabini kuqatsele ngoLwesihlanu xa uNobhala kaRhulumente waseMelika uMarco Rubio ebhale kwikhasi lonxibelelwano uX ukuba unozakuzaku uEbrahim Rasool akamkelekanga eMelika.
Into ebhalwe nguRubio ebiphendula inqaku elivela kumnatha weendaba iBreitbart eyabhala ukuba kwisemina ye-intanethi ngoLwesihlanu, uRasool uchaze iphulo elithi Make America Great kaTrump njengendlela umntu omhlophe okholelwa ukuba abantu abamhlophe luhlanga olungcono aphendula ngayo ukwanda kweentlobo ngeentlobo zabantu eMelika.
URubio wambiza ngokuba "ngusopolitiki osebenzisa ubuhlanga ukotha abantu" ocaphukela uMongameli uDonald Trump.
"Sikuqaphele ukungonwabi okuvezwe lilizwe laseMelika, ngakumbi malunga namazwi awathethileyo," utshilo uRamaphosa exelela iintatheli, esithi ulindele ingxelo epheleleyo evela kuRasool.
"Ukuphucula ubudlelwane bethu neMelika yinto ephambili kuthi," utshilo uRamaphosa.
"Bangoogxa bethu besibini abakhulu borhwebo emva kweChina kwaye siza kuqinisekisa ukuba ubudlelwane bethu bukwinqanaba elincomekayo."
Ukugxothwa kukaRasool kongeza ukruthakruthwano phakathi kweWashington nePitoli ngenxa yokungavisisani okuliqela ngemigaqo-nkqubo, kuquka netyala loMzantsi Afrika ngakuSirayeli kwiNkundla yeHlabathi yezoBulungisa malunga nemfazwe yaseGaza.
URubio zange afune ukuya eMzantsi Afrika kweyoMdumba kwiingxoxo phakathi koonozakuzaku abaphezulu abavela kwiG20, amazwe anoqoqosho olukhulu lwehlabathi, ebanga ukuba le intlanganiso "yayichasene neMelika."
UMzantsi Afrika ngumongameli weG20 kulo nyaka.
URamaphosa uthe uMzantsi Afrika uza kuzama ukuthethathethana neMelika ngokuthumela abameli abavela kwicandelo lezoshishino nakurhulumente.
"Olu luxanduva lwethu singurhulumente ukuqhubela phambili iimfuno zelizwe lethu kwakunye neemfuno zabantu baseMzantsi Afrika," utshilo.
AFP
Related Topics: