UMkomishinala wamaPolisa aKwaZulu-Natal uNhlanhla Mkhwanazi.
Image: Independent Newspaper
ICandelo loPhando lwamaPolisa eliZimeleyo (IPID) lithi liqalise uphando ngoMkomishinala wamaPolisa aKwaZulu-Natal, uLieutenant General Nhlanhla Mkhwanazi, ngezityholo zokuphazamisa ukubanjwa kwegosa eliphezulu leenkonzo zoluleko.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seIPID uLizzy Shuping, esi siganeko sityholwa ngokuba senzeke eRichards Bay ngo2023.
"I-IPID icele uMkomishinala wePhondo ukuba angenise ingxelo efungelweyo ngomhla we19 kweyoKwindla 2025."
UShuping uthi ileta eyabhalelwa uLieutenant General Mkhwanazi, liBambela leNtloko yoPhando kwi-IPID isithi uMphathiswa wamaPolisa ucele i-IPID ukuba iphande uMkomishinala wePhondo, yabhalwa ngempazamo.
"Olu phando lubangelwe sisikhalazo esiphuma eluntwini ngumntu ongazichazanga."
UShuping uthe i-IPID imile kwelokuba nangona ifumana izikhalazo nolwazi kwimithombo eyahlukeneyo, uphando lwayo luhlala luzimele kwaye lungathathi cala.
"Uphando lusekwinqanaba lokuqala, kwaye i-IPID iya kuthetha ngalo mba kuphela lwakuba luqukunjelwe uphando."
Kusenjalo, kudliwanondlebe olukhethekileyo neIOL kwiveki ephelileyo, uLieutenant General Mkhwanazi uthe uncothula iingcambu zobuqhophololo kumagosa emapoliseni.
Uthe bekukho iinzame zokunyelisa igama lakhe ngeenjongo zokumenza abuyele umva.
"Ndibeka unyawo lwam kwimpathombi nobuqhophololo bangaphakathi kungoko ndisisisulu sonyeliswa kodwa lonto ayizundinqanda. Enye yezinto esijongene nazo yingxowa-mali yamapolisa eyimfihlo (SAPS Secret Fund)."
UMkhwanazi uthe into ayibhaqileyo kukuba kukho amagosa kunye noosopolitiki abaphezulu abenza imali eninzi ngale ngxowa-mali eyimfihlo.
IOL
Related Topics: