UMichael Harry Lomas unikwe ibheyile yezigidi ezibini zeerandi.
Image: Supplied
Omnye wamadoda atyholwa ngobuqhophololo kwityala lobuqhophololo lakwaEskom, uMichael Harry Lomas, unikwe ibheyile yezigidi ezibini zeerandi.
Esi sigwebo sinikezelwe kwiNkundla ePhakamileyo yaseGoli ngoMvulo.
ULomas kunye nabanye abalishumi elinanye bajongene namatyala orhwaphilizo angama65 anxulumene nemali engaphezulu kwebhiliyoni yeerandi (R1,4 billion) eyayibekelwe ukwakhiwa kwesikhululo samandla sakwaEskom iKusile eMpumalanga.
Wabuyiselwa kweli esuka eNgilane kweyoMsintsi kwaye oko evalelwe ukusukela ukubuyiswa kwakhe kweli loMzantsi Afrika.
ICandelo loPhando leGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) lithi imiqathango yebheyile kaLomas iquka ukuba ipasi lakhe laseNgilane nesazisi sakhe saseMzantsi Afrika zinikezelwe kwigosa eliphandayo.
"Inkundla iyalele ukuba angavunyelwa ukuba enze isicelo sempepha zokundwendwela kwaye ahlale kwindawo ezakumkhathalela apho azakuthi anikwe uncedo olufanelekileyo," utshilo uHenry Mamothame.
I-IDAC ithe iinkcukacha zale ndawo kufuneka zinikwe igosa eliphandayo kwaye uLomas akafanelanga ukuphuma eGauteng engakhange axelele igosa eliphandayo.
"Siyasiqwalasela kwaye siyasihlonipha isigwebo esinemiqathango engqongqo ehambelana naso. Ngoku siza kugxila kwityala eliza kuxoxwa, neliza kuqalisa ngomhla wama20 kweyeKhala 2026."
I-IDAC isichasile eso sicelo sebheyile kuba uLomas uchazwa njengomntu onokubaleka nomntu onokuzibulala ngokusekelwe kwiingxelo zoogqirha bengqondo ababini eNgilani ngexesha lokuxoxwa kwetyala lakhe lokubuyiselwa kweli loMzantsi Afrika, apho bambhengeze njengomntu onokuzibulala.
Ngaphambili i-IOL ipapashe ukuba uLomas wabanjwa ngomhla we15 kuTshazimpuzi ka2021 eLondon kwaye wanikwa ibheyile ye£100 000 (R1.7 million kuTshazimpuzi 2021), kwaye waphinda wafaka imali eyongezelelweyo ye£250 000 (malunga neR4.3 million kuTshazimpuzi 2021).
IOL