Indoda yaseNxuba iza kuchitha iminyaka engama25 emva kokuba ifunyenwe inetyala lokudlwengula umama womntwana wakhe nowayethandana naye baze bohlukana bafakelana umyalelo wokhuseleko (protection order).
Image: NPA
INkundla yeNgingqi yaseNxuba igwebe uMbuyiseni Phakela (45) iminyaka engamashuni amabini (20) ngokuthi adlwengule awayethanda naye nokwangumama wabantwana bakhe, kongezwa nemihlanu (5) iminyaka ngaphezulu eyokungathobeli imiqathango yenkundla.
Isithethi seNPA eMpuma Koloni, uLuxolo Tyali, uthi oku kwenzeka kwilokishi yaseLingelihle ngomhla we13 kweyoMqungu ka2024, apho uPhakela wangena ngenkani kwikhaya lexhoba walirhuqela ngaphandle elisa kowabo apho wafika walidlwengula ekwaligrogrisa. Emva koko, ixhoba lisendleleni egodukayo ladibana nesizalwane salo sabalisa ngokusandokwenzeka kuso, abathandabuza bangqqala kwisikhululo samaPolisa.
Ixhoba lathathwa lasiwa kwiziko lamaxhoba, iNxuba Thuthuzela Care Centre, apho wafumana khona uhlolo, uloluleko lomphefumlo kwanonyango. Umrhanelwa naye waye wabanjwa kwangolo suku nagamaPolisa wavalelwa.
Ngaphakathi enkundleni, uPhakela waliphika ityala esithi khange angathobeli nkundla, koko wakhatshwa lixhoba ngesivumelwano. UMtshutshisi uMakabongwe Seyibokwe ubeke bonke ubungqina bexhoba kwanobesizalwane sexhoba phambi kwenkundla.
I'NPA isamkele esi sigwebo kwaye ikwathi sibonisa ukuba iNPA izimisele ukulwa izenzo zeGBV ekuhlaleni.
Related Topics: