UMongameli uCyril Ramaphosa uvakalise inkxalabo malunga neAfriForum neSolidarity esasaza ulwazi olungeyonyani eMelika.
Image: Itumeleng English/Independent Newspapers
UMongameli weli loMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa uvakalise inkxalabo ngezenzo zeAfriForum neSolidarity, esithi ukusasaza kwabo ulwazi olungeyonyani ngoMzantsi Afrika eMelika sisenzo esibonakalisa ukungaxabisi ilizwe labo.
URamaphosa ngoLwesibini uthe uxhalabile kwaye udanile yiAfriForum neSolidarity, njengoko yomibini le mibutho ithumele abameli bayo ukuba baye kudibana namagosa karhulumente waseMelika.
"Oko ndikuthatha njengokungathand’ izwe kuba xa ungumntu othanda ilizwe lakho, eyona nto ingcono onokuyenza kukusombulula iingxaki okanye imiba onayo elizweni kunokuba ujongele phantsi ulongamo lwelizwe lakho ngokubalekela kwamanye amazwe ulindele ukuba athabathe amanyathelo ngakwilizwe lakho," utshilo uRamaphosa ngethuba ephendula imibuzo kwiNdlu yoWiso-mthetho.
Utyhola iAfriForum neSolidarity, esithi le nto bayenzileyo ibangele ukuba kuthathwe amanyathelo ngoku kuluntu loMzantsi Afrika.
UTrump wenze isimemo ebiza amaBhulu ukuba babe ngabaphambukeli eMelika nanjengoko ukungaboni ngasonye malunga nomgaqo-nkqubo wokuthathwa komhlaba woMzantsi Afrika uye waqina, nalapho iAfriForum ibanga ngelithi kubulawa abantu abamhlophe kweli loMzantsi Afrika.
URamaphosa uthe umba wokuba le mibutho yomibini ingcatshe umbuso yinto ekufuneka ujongwe ngabezomthetho neGunyabantu lezoTshutshiso.
"Ndiyayichasa into eyenzekayo xa bejikeleza ihlabathi bethetha kakubi ngelizwe labo, bethoba isidima selizwe labo kungekhona ngezinto ezenzekayo kodwa ngolwazi olungeyonyani."
Uthe izenzo zeAfriForum neSolidarity zahlula ilizwe. "Eyona nto bafuna ukuyenza kukusasaza iintetho zobuhlanga ngelizwe labo xa sisakha isizwe. Ndiphoxeke kakhulu kwaye ndiyayigxeka into eyenziwe yiAfriForum neSolidarity."
Uthe unozakuzaku woMzantsi Afrika eMelika, uEbrahim Rasool, njengommeli wayekho ethethathethana namahlakani awohlukeneyo ukuze agxininise ukubaluleka kokuzinzisa ubudlelwane boqoqosho, bezopolitiko kunye nenkcubeko phakathi kwala mahlakani mabini [uMzantsi Afrika neMelika] anembali.
"Siyithathele ingqalelo imiyalelo yesigqeba kunye neengxelo zakutsha nje ezenziwe ngurhulumente waseMelika wangoku malunga noMzantsi Afrika kunye nemiba yomgaqo-nkqubo wasekhaya nowamanye amazwe.
"Sivakalise inkxalabo malunga nokuchazwa ngendlela engeyiyo kwemeko yelizwe lethu kunye nemithetho ethile kunye nomgaqo-nkqubo wamazwe angaphandle."
URamaphosa ukwathe uthethathethwano luza kuqhuba neMelika kunye nabanye abachaphazelekayo ukulungisa iinkcukacha zobuxoki.
Related Topics: