Ubomi kwindoda yaseMount Fletcher edlwengule amawele wayo.
Image: File
Yinto engapha kweminyaka elishumi utata waseMount Fletcher oneminyaka engama54 ubudala ezenzela ngokudlwengula abantwana bakhe abazalayo abangamantombazana nabangamawele, elinye kuwo likhubazeke ngokwasengqondweni.
Ingxelo ephuma kwiNPA, ithi, inkosikazi yesi sidlwengu – nesingutata kumawele – yabhubha ngo2011 ngethuba amawele eneminyaka eyi11, nekwaqala apho ukonakala nekulapho utata wabo wamane ebaphathaphatha ngendlela engamkelekanga kumalungu abo angezantsi. Oku kuqhubekile ukwenzeka de wabe uqalisa ukudlwengula elinye iwele, emva kokuba elo lalilixhoba lokudlwengulwa laye lemka ngo2019 kuba lifumene umsebenzi kwenye idolophu, lo tata washiyeka emane ukuzenzela kweli lingaphilanga likhubazeke ngokwasengqondweni.
Isithethi seNPA, uLuxolo Tyali, uthi elinye iwele laye laqatshelwa nguMphathiswa ukuba kukhona okumphazamisayo walingcambazisa lathetha inyani ixhoba. Neli lishiyeke ekhayeni lachaza nalo emva koko kwabizwa indibano yosapho, utata wamaxhoba wawavuma onke amatyala awenze ebantwaneni bakhe ze umalume wamaxhoba wavula ityala wabanjwa.
Ngethuba kuqhuba ityala ezinkundleni, utata wathi ityala akanalo esithi lo ukhubazekileyo umtyhola ngabom kuba engafuni ukuba agcinelwe nguye ikhadi lendodla yakhe. Inkundla iye yaveza bonke ubungqina enabo nobuye babophelela lo tata.
Lo tata uye wagwetywa izihlandlo ezibini zobomi ngaphakathi entolongweni ngaphezulu yabayiminyaka emihlanu. Utata lo usisisdlwengu khange achazwe igama lakhe njengoko kukhuselwa amaxhoba.
OnguMlawuli woTshutshiso loLuntu eMpuma Koloni, uBarry Madolo, usiqhwabele izandla isenzo esenziwa lusapho lwamaxhoba lokuza ngaphambili, esithi endaweni yokuba luthi mayifihlwe ithethwe isikhaya.
Related Topics: