Umbutho weMK Party ubhalele uMphengululi zincwadi ukuba aphande ngelahleko ethe yabakho xa intetho yohlahlo lwabiwo mali ibimisiwe.
Image: Armand Hough / Independent Newspapers
Iofisi yomphengululi zincwadi kweli ithi isiqaphele isicelo sombutho weMK Party (MKP) sokuba kwenziwe uphando malunga nenkcitho eyenzeke ngenxa yokunqunyanyiswa kwentetho yohlahlo lwabiwo mali kwinyanga ephelileyo.
Umbutho weMKP ubhale incwadi icela ukuba kwenziwe uphando malunga nelahleko okanye inkcitho eyenzeke ngenxa yokunqunyanyiswa kwentetho yohlahlo lwabiwo mali.
Lo mbutho uthi makukhangelwe ukuba ingaba ikhona na inkcitho nelahleko eyenzekileyo ngenxa yokulibaziseka kwale ntetho.
Othethe egameni leOfisi yomphengululi zincwadi, uHarold Maloka, uthi asikho isizathu sokuba abanakulenza uphando malunga nesicelo sombutho weMK Party.
"Kubalulekile ukwazi ukuba iOfisi yomphengululi zincwadi jikelele inoxanduva lokwenza uphando, oku kwenziwa ngeenjongo zokunika uluntu ulwazi ngendlela esebenza ngayo imali karhulumente," kutsho uMaloka.
UMphathiswa weSebe leziMali kweli uEnoch Godongwana unqumamise ngomzuzu wokugqibela intetho yakhe yohlahlo lwabiwo mali kwinyanga ephelileyo ngenxa yokuba imibutho engamahlakani kurhulumente ingaboni ngasonye.
Le ntetho kuthiwa inqunyanyiswe ngomzuzu wokugqibela ngenxa yokuba uGodongwana ebeza kwenza isaziso sokunyusa irhafu. "Emva kokuba senze uphando, siyanyanzeleka ukuba senze ingxelo echaza ukuba ngenene kubekho inkcitho eyilahleko ngokunqunyanyiswa kwale ntetho," ucacise watsho uMaloka.
UMphathiswa uGodongwana kulindeleke ukuba enze intetho yohlahlo lwabiwo mali ngomhla weshumi elinesibini kule nyanga nangona kukho iingxelo eziphikisanayo malunga nokuba yonke imibutho kwiGNU ifikelele kwisivumelwano. Inkokheli yeDA uJohn Steenhuisen uyakuphikisa ukuba kuvunyelwene ukuba kwenziwe le ntetho kwiveki ezayo.
Related Topics: