Umpu obhaqwe kumfundi kaGrade11 eSajonisi nosezileni olindele ukuvela ngomso uLwesine.
Image: SAPS
Ngumfundi onamashumi amabini (20) eminyaka ubudala obanjwe ngamaPolisa akwaMajola eSajonisi, emva kokuba ethe ahletyelwa ukuba kunomfundi kwilali iNgxongxweni kwindawo yaseLuthenge onompu ongenazo iimpepha.
Ngokwengxelo ephuma kumaPolisa aseMpuma Koloni, ithi, amaPolisa aye atyelela kumzi agxamesa kuwo lo mfundi ngoLwesibini kule veki ngezithuba zentsimbi yesibhozo ngorhatya, nalapho afike enza ugqogqo kwigumbi lakhe awufumana umpu.
UCaptain Welile Matyolo uthi umpu lo ufumanekileyo yi9mm pistol kwaye ubungenazo ngaphakathi iimbumbulu ngethuba ubhaqwa.
UCaptain Matyolo uthi ukuba umfundi uwufumene njani umpu kwaye ingubani umnikazi wompu usaphandwa.
Lo mfundi noyinzalelwane yelali yaseSwazini ulindeleke ukuba avele phambi koMantyi ngomso uLwesine eSajonisi ngokufunyanwa enompu ongenzo iimpepha.
UMkomishinala weSithili oBambeleyo waseOR Tambo, uBrigadier Vukile Ntuli uwuncomile umsebenzi owenziwe ngoogxa bakhe, njengoko esithi ubuza kusetyenziswa ukuhlukumeza abanye abantwana esikolweni kwakunye nootitshala, nto leyo ibiyakuthi iphazamise ezifundweni.
Related Topics: