Abafundi abaxhamlileyo kwiMayoral Bursary Fund nguMihle Qina, Sinomtha Tekwana, Elona Madasa, Anathi Ndzele noAgcobile Pawuli. UMFANEKISO: ABONGILE GINYA
Ngabafundi abayi85 bebonke abaphuma kwiiwadi zoMasipala ombaxa iBCM nabakwiiyunivesithi ezohlukeneyo abathe baxhamla kwinkxaso mali yesibonelelo esingaphezulu kwezigidi ezilithoba zeerandi (R9,9 million) kunyaka ka2025, nesisibonelelo esiye sikhutshwe minyaka le esibizwa ngokuba yiMayoral Bursary Fund.
Aba bafundi bebengekho bonke ngosuku apho uSodolophu waseBCMM, uPrincess Faku, ebanikeza njengoko abanye sele besezikolweni ezingekho kweli Phondo, kodwa abafunda eRhodes, UNISA, WSU kwakunye naseFort Hare bazamkele ngokunokwabo ngezandla ezishushu.
Le bhasari iza kujongana nayo yonke into kumfundi, ingakumbi ezo izizidingo ezifana nendawo yokuhlala, ukutya, izixhobo zonke zokufunda kwanokubhatala kwesifundo eso umfundi asenzayo.
UFaku ubalule ezi zixhaswa ngebhasari izifundo ezinqabileyo nathi zezo zakhono zidingekayo kulo Masipala ezinjengobunjineli, ezemali, ucwangciso kunye neenkonzo zenzululwazi. Uqhube wathi aba bafundi ukugqiba kwabo ukufunda baye babuye nabafunda kumanye amaPhondo bazoba ngabaqheliswa, i-interns ukutsho, into engangeminyaka emibini.
UFaku uthi kukhethwe kanye abo bafundi baqhube kakuhle kodwa babe bephuma kumakhaya angathath’intweni uninzi lwabo eliye libenabazali abangaphangeliyo okanye abo bangenabo kwa abazali.
Abafundi abambalwa abaxhamle kule bhasari nabathe bancokola neli phephandaba I’solezwe lesiXhosa abawuvalanga umlomo luvuyo.
UAnathi Ndzele (21) waseNkandla eMonti owapasa uGrade12 wakhe eLumko High School, onomama osebenza ngokuthengisa iziqhamo kwidolophu yaseMonti, nowenza unyaka wakhe wesibini eFort Hare kwizifundo zeAcccounting uthe: “Ukuba bendingakhange ndiyifumane kunyaka ophelileyo le bhasari, mhlawumbi ngendingafundi ndincedisa umama ekuthengiseni kuba singenayo enye into engenisa imali ekhaya.
“Ndakhatywa nguNSFAS andamfumana ngezizathu endingazaziyo. Ndinombulelo ongazenzisiyo,” utshilo uAnathi Ndzele.
UElona Madasa (19) waseMdantsane nopase eNyanga High School eNgcobo kunyaka ophelileyo nowenza unyaka wakhe wokuqala eFort Hare kwikhampasi yaseDikeni naye uthi uziva echulumancile kuba nabakhe abazali abasebenzi, umama wakhe ungumfundi naye nobesenza izifundo zoMthetho. “Utata kukhona ayokufuna umsebenzi eKapa. Bebengekhe bakwazi ukundifundisa, ndiyayibulela le bhasari.
USinomtha Tekwana opase eJim Vabaza High School eTsholomnqa kunyaka ophelileyo nofunda unyaka wakhe wokuqala eUNISA, uthe: “Bendingasoze ndilifumane eli ithuba kungoko ndiziva ndonwabile, akunangeniso ikhoyo ekhaya,” utshilo uTekwana.
UFaku uyalele aba bafundi ekubeni baqiniseke kwiincwadi zabo bangahoyi yonke into engazukubasa ndawo.
Related Topics: