Kulindeleke ukuba ivele phambi koMantyi kusasa ngoLwesibini indoda enama41 eminyaka, emva kokuba ithe yabanjwa liGosa lezeNdlela ngeCawa kuhola wendlela uN2 kude kufuphi naseRhini.
Ingxelo ephuma kwisithethi sezoThutho noKhuseleko eMpuma Koloni, u-Unathi Binqose, ithi, umrhanelwa ngasemva ebelayishe umzimba usuka ngaseNgqushwa usingise ngaseGqeberha, wabe ngaphambili elayishe abakhweli ababini, yena umqhubi engowesithathu kwisitulo ekufanele ukuba silayisha abantu ababini kuphela.
Eli nenekazi leGosa, liqaphele ukuba abantu bathathu ngaphambili nekulapho liye layimisa le moto, ingxelo ithi umqhubi uye wathi akumisa waxelela eli Gosa ukuba uza kulinika idrink nekulapho uye wazivalelisa.
UBinqose uthi umrhanelwa uye wabanjwa kwangoko ebanjelwa ukuzama ukunyoba, abakhweli ababini bona baye bayalelwa ukuba baqhubekeke nohambo lwabo logama umnikazi womzi wabangcwabi etsalelwe umnxeba, wayalelwa ukuba azokuthatha imoto kwakunye nesidumbu.
UMphathiswa uXolile Nqatha uliqhwabele izandla eli nenekazi, esithi esi senzo sakuthi sidlulise umyalezo nakubanye abaqhubi, kuba izinyobo lulwaphulo-mthetho.
Related Topics: