Sele zilishumi iziganeko eziqinisekisiweyo zesifo sochwane nenyebethu kule nyanga kuMasipala ombaxa, iBuffalo City (BCM). Esi sifo siqale ukugqabhuka kwiPhondo laKwaZulu-Natal kwiveki ephelileyo nanjengoko ngoku sinwenwele kwesi sithili.
Le ngxelo ikhutshwe yiBCM emveni kwemini ngeCawe. Ingxelo ithi apho sisafumeneka khona esi sifo kusezikolweni zoonomngqushwana nanjengoko abantwana abachaphazelekayo bephakathi kweminyaka emithathu (3) ukuya kwabaneminyaka emithandathu (6).
EzeMpilo kwisithili saseBCM namagosa aseBCM aqhubela phambili nophando. I-BCM ithi esi sifo sifumaneka kubantwana abangaphantsi kweminyaka elishumi (10) kwaye apho sisulelana khona ikakhulu kusekhrishi ngexesha lasehlotyeni.
Ngoku iBCM ibongoza uluntu ukuba lungoyiki nanjengoko le meko ijongwe ngeliso elibukhali. Zizifo eziqapheleka ezandleni nasezinyaweni.
Ibongoza iinqununu nakwanabo basemagunyeni kwizikolo zoonomngqushwana ukuba bahlale beqaphele futhi ngaphezulu babeke ucoceko phambili.
Kuthiwa xa benento abangayiqondiyo ebantwaneni, bakhawuleze bazise iziko lezeMpilo elikufutshane nabo. Ingxelo ikwathi izikolo ezingayilandeliyo imithetho yococeko ziza kunyanzeliswa ukuba zivalwe okwethutyana.
Related Topics: