Mathathu amanina aphakathi kwamashumi amathathu anesithathu ukuya kwamathandathu anethoba ngeminyaka ubudala athe adutyulwa abhubha ngobusuku bangoLwesine (izolo) kwikhaya labo eSitshayelo, kwaZalu, eLusikisiki.
Ngokwengxelo ephuma kumaPolosa aseMpuma Koloni ithi, le ndoda ibizogqume ubuso isebenzise umfana owaziwayo wasekuhlaleni ekubeni ankqonkqoze kulomzi. Oku kwenzeke ngezithuba zentsimbi yeshumi ebusuku.
Umrhanelwa obezogqume ubuso, uthe ekungeneni kwakhe emva kokuba kuthe kwavulwa wabiza ngegama ixhoba elina (33), amaxhoba amabini elina (44) kwakunye nelina (66) aye angenelela adutyulwa babhubha, emva koko umrhanelwa waqhubekeka nokukhwaza ekhangela ixhoba (33) kwelinye igumbi walifumana waliphindaphinda elidubula nalo labhubha.
UCaptain Welile Matyolo, uthi unobangela wesi senzo sibi kangaka awukaziwa nanjengoko Kusaqhutyekekwa nophando.
AmaPolisa abongoza onothi abenolwazi atsalele uDetectives - Colonel Kufa kule nombolo 0823025118/ 0834279656, okanye uLieutenant Sitsha : 0824422714 / (039) 2531350/ 0860010111. Lowo unolwazi uzakukhuseleka.
OR Tambo District Commissioner, Major General Norman Modishana usikhalimele kabukhali esi senzo sokubulawa kwamakhosikazi amathathu angakwazi ukuzilwela, ebulawa ngumntu ongenantliziyo nongabuxabisanga ubomi bomntu. nantliziyo.
“Asizokuphumla de umrhanelwa okanye abarhanelwa babankwe kwaye badibane nengalo yoMthetho,” utshilo Generala Modishana.
Related Topics: