PHEZULU: USihle Manciya (26) ogwetywe izihlandlo ezine zobomi engaphakathi ejele. NGEZANTSI: USimcelile Nozulu (17) kwakunye nomakhulu wakhe uNoma-India Nozulu (70) ababulawa nguManciya.
Indoda yaseLwandlana kuQumbu egama linguSihle Manciya (26) iza kuchitha bonke ubomi bayo entolongweni emva kokuba iNkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika ebichophe eMthatha ithe yamfumana enetyala lokubulala ngokungenalusini abantu ababini kwanelokuzama ukubulala.
Ingxelo ephuma kwiNPA ithi, ngomhla we29 kuTshazimpuzi kunyaka ophelileyo, uManciya wafika ngobusuku kwikhaya longasekhoyo uSimcelile Nozulu (17) elikuSulenkama kuba emkrokrela ngokuba unomnye umntu ancumisana naye.
Ekungeneni kurontawuli ekwakulelwe kuwo lusapho lonke kukho uSimcelile, udade wabo, umama wakhe kwakunye nomakhulu wakhe – wafika akabuza wahlaba kwamntu de wabe kanti ubulele uSimcelile kwakunye nomakhulu (70). UMancinya wayexhobe ngemela newathi wasebenzisa yona.
UMakhulu wanqunyulwa intamo wabhubha kwangoko esesekhayeni, uSimcelile wabhubhela endleni eya esibhedlele.
Ngethuba I’solezwe lesiXhosa lincokola nelungu losapho kunyaka ophelileyo emva kwesi siganeko, amanye amalungu ayesalwela ubomi esibhedlele nekuquka kuwo umama kaSimcelile nodade wakhe.
Isithethi seNPA, uLuxolo Tyali, uthi uManciya waxelela umqeshi wakhe ngento ayenzileyo, umqeshi waxelela amaPolisa ze wabanjwa uManciya walivuma ityala.
Ngaphakathi kwaMantyi ngethuba kuqhuba isigwebo, igqwetha lombuso uAvumile Bikitsha uveze into yokuba uManciya akabonakalisanga kuzisola ngesi senzo. UBikitsha uthi uManciya wayenalo ixesha lokuba atshintshe iingcinga nanjengoko ilixeshana ukuya kwikhaya longasekhoyo kodwa zange koko waqhubekeka.
Umlawuli kwiNPA eMpuma Koloni uBarry Madolo usamkele esi sigwebo.
Related Topics: