ULieutenant General Nomthetheleli Mene ugqiba iminyaka engama40 ekwiSebe lesiPolisa.
Emva kweminyaka engamashumi amane (40) engumsebenzi kwiSebe lesiPolisa, uLieutenant General Nomthetheleli Mene obenguMkomishinala wamaPolisa eMpuma Koloni, ubeke phantsi iintambo nanjengoko ethe wafinca amashumi amathandathu (60) eminyaka ezelwe.
UMene kweli Phondo leMpuma Koloni ubeneminyaka emithathu exhuzula imikhala njengoMkomishinala wamaPolisa nanjengoko waqala ngoDisemba ka2021, ethatha intambo kuLieutenant General Liziwe Ntshinga.
UMphathiswa wezoThutho noKhuseleko eMpuma Koloni, uXolile Nqatha, nobengomnye wabo bebezimase umsitho kandlelantle kaMene, umchaze njengenina elinesakhono kwisikhokelo.
UNqatha uthi iPhondo libenemiceli mngeni yolwaphulomthetho kodwa kunjalo waqinisekisa uMene ukuba bonke abo benza obubi babhalwa ezincwadini futhi oko kwazisa nethemba kubahlali.
Uqhubekeke ngokumnqwenelela okuhle esithi aphumle kakuhle ekhayeni kwaye azinakekele nanjengoko kufike ixesha lakhe lokuphumla.
ULieutenant General Mene kwintetha yakhe ayenze phambi kwamandwendwe akhe, ubulele uGeneral Fannie Masemola nobekhona kweli theko ngokumkhulisa kweli Sebe.
UMene uthi kwimingeni nakwiziganeko ebezisenzeka eMpuma Koloni, inkxaso kaMasemola ebeyiva kwanongenelelo lwakhe kwanoMphathiswa kazwelonke uSenzo Mchunu.
UMene uvale ngokubulela bonke oogxa bakhe esithi lakuhlala lisentliziyweni eli Sebe kuba ilelona kuphela awasebenza kulo ebomini bakhe.
Related Topics: