Inkokheli yamaSilamsi (Imam) uMuhsin Hendricks, 57, waseNtshona Koloni obelitshantliziyo leGBTQ, ekwalwela namalungelo oluntu jikelele.
Ukudutyulwa kubulawe inkokheli uMuhsin Hendricks, 57, nobephandle esaziwa jikelele ngesini sakhe ekwaziwa nangokulwela abeLGBTQ+, kukhale abaninzi kumakhasi onxibelelwano ngokubulawa kabuhlungu kwakhe nanjengoko ebelitshantliziyo.
UHendricks noyinzalelwane yaseNtshona Koloni, uhlaselwe esemotweni yakhe ngamadoda amabini kule veki eseBethelsdorp eGqeberha.
Ukubulawa kukaHendricks kubonakale kushicilelo lwekhamera apho esi sibini siye sadubula kwifesitile yangasemva.
Ngokwengxelo yamaPolisa, uHendricks ebehleli kwisitulo esingasemva ngethuba edutyulwa.
UHendricks yinkokheli ekwangumsunguli weThe Inner Circle, ngo2011 wabanendawo ebizwa ngokuba yiMasjidul Ghurbaah mosque eKapa apho iyindawo ekhuselekileyo yabo bakwiLGBTQ+. UHendricks uchithe ixesha lakhe lonke exhasa ekwacebisa abaninzi de umsebenzi wakhe omhle awenzayo washicilelwa kwinkqubombaliso ebizwa ngokuba yiThe Radical.
AmaPolisa aseMpuma Koloni ayaqhubeka nophando nanjengoko kuvulwe ityala kwaye akukabanjwa mntu.
Umbutho iWomen For Change ikhuphe ingxelo nalapho ithi kothusile ukubulawa kwale nkokheli. Ukusweleka kwakhe yilahleko enkulu kwinkolo yamaSilamsi, abakwiLGBTQ+, kwanakumatshantliziyo abalwela amalungelo abantu jikelele.
IWomen For Change, ihlab’ ikhwelo kumaPolisa ekubeni enze uphando oluphangaleleyo ekuqwalaseleni ukuba esi senzo ingaba ibisisenzo sokubukulwa ngokwesini kusinina ukuze abo baphendule phambi kwengalo yomthetho.
IUnited Ulama Council of South Africa ithi uphando makuyekelwe kumaPolosa kwaye uluntu luyeke ukunwenisa iingxelo ezingaqinisekiswanga malunga nonobangela wokubulawa kukaHendricks.
IUlama ithi kona kokwenkolo yabo ayivumelani nabo bathandana besisini esinye, oku kukhabana nenkolo yabo.
Related Topics: