Abarhanelwa (8) abajongene netyala lokubulala abantu abayi18 kuNgobozana eLusikisiki kunyaka ophelileyo. Ome ngenyawo nguSongezo Vuma (20) nobeqala ukuvela naba atyholwa nabo ngoMvulo. UMFANEKISO: FACEBOOK
Othethe egameni lamaxhoba osapho lwabantu abalishumi elinesibhozo (18) ababulawa kwilali yaseNgobozana eLusikisiki kunyaka ophelileyo, uDavid King, uthi noko kuyancomeka kwaye bayabulela yinkqubela eyenzekayo malunga neli tyala. Uthi nangona bengazokubuya ababulawayo, kodwa noko oku kuyaxolisa.
UKing ungomnye kwabo bathi baphulukana nabantu babo ngoSeptemba, ebethetha ngaphandle enkundleni ngoMvulo ngethuba isibhozo sabarhanelwa besivela phambi koMantyi eLusikisiki malunga netyala abajongene nalo lokubulala.
Aba barhanelwa baza kuphinda bavele kwakhona ngomhla weshumi (10) kwinyanga ezayo uMatshi, basengaphakathi eziseleni.
Isithethi seNPA eMpuma Koloni, uLuxolo Tyali, uthi bekufanele ukuba liqalile ukuxoxwa ityala ngoMvulo. Kodwa ngenxa yokongezeleleka komrhanelwa wokugqibela, uSongezo Vuma (20) ngoJanyuwari, kubangele ukuba kuqhube olunye uphando oluphangaleleyo elinxulumene naye.
UVuma uvele okokuqala ngomhla wesixhenxe kuJanyuwari kulo nyaka emva kokuba wathi wabanjwa eQonce ebhasini eya eKapa eNtsona Koloni.
Ngethuba evela ngomhla wesixhenxe, uVuma zange afune ukufaka isicelo sebheyile. NgoMvulo uxube abasixhenxe natyholwa nabo malunga neli tyala nababanjwa kunyaka ophelileyo.
Abo barhanelwayo nguSiphosoxolo Myekethe (45), Aphiwe “AP” Ndende (25), Lwando Antony Abi (33), Bonga Hintsa (31), Zenande Paya (38) kwakunye noMawethu Nomdlembu (36) nabangazange bayifune ibheyile.
UPaya noNomdlembu babanjwa eFlagstaff nge17 kaOkthobha, uNdende noHintsa babanjwa ePort Shepstone, logama uAbi ebanjwe eMonti nge16 Okthobha 2024. UMyekethe yena wabanjwa nge7 kaOkthobha ezihlelele kowabo kwilali yaseMthimde eMamfengwini eLusikisiki.
UTyali uthi uyathemba ukuba ityala liza kuqala ngomhla weshumi kwaye nophando lakube seliqukunjelwe.
Related Topics: