Ashiyeke ngaphakathi eziseleni amadoda amathathu (3) nangabemi bangaphandle ngethuba bevela phambi koMantyi waseMonti ngoLwesithathu, nabajongene netyala lokuxhwila intwazana eneminyaka elithoba (9) yaseBuffalo Flats eMonti.
Ngokwengxelo kaWarrant Officer Ndimphiwe Mhlakuvana, ithi le ntwazana inyengezwe ekuseni ngoLwesithathu ngakwisikhululo samaPolisa saseNyibiba iphila kwaye ingonzakaliswanga.
Le ntwazana yaxhwilwa ngamadoda angaziwayo phambi kwesikolo sayo iDreamland Primary School eBuffalo Flats ngomhla wesithathu (3) kule nyanga emini isuka esikolweni. La madoda ayehamba ngemoto iToyota Corolla embala ugreyi.
Ingxelo ithi aba barhanelwa abaphakathi kweminyaka engama20 ukuya kuma67 babanjwe ngomhla wesihlanu (5), bavela ngosuku olulandelayo neye yamiselwa loLwesithathu.
UWarrant Officer Mhlakuvana uthi aba barhanelwa baza kuvela kwakhona kuLwesithathu weveki ezayo nalapho baza kube befaka isicelo sebheyile.
Kukwalindeleke ukuba kubanjwe abanye abarhanelwa nanjengoko kuqhubekeka uphando. Abarhanelwa bajongene nezityholo zokuxhwila.
IiHawks zisebenzisene neSebe lesiPolisa ngokuhlukana kwamacandelo kweli Sebe ekubanjweni kwaba barhanelwa.
OyiNtloko yeeHawks ePhondweni, uMajor General Obed Ngwenya, uqhwabele izandla onke amaqela ngokuhlukana kwawo asebenzisene neeHawks ngokwenza umsebenzi omhle wokubamba abarhanelwa kwaye nexhoba labuya liphilile.
Related Topics: