Obekade efunwa ngamaPolisa nobefunelwa amatyala okubulala nokuzama ukubulala awawenza eKapa, ubanjiwe ngamaPolisa ngoLwesibini kwisithili saseChris Hani.
Ngokwengxelo ephuma kuCaptain Yolisa Mgolodela, ithi ngethuba amaPolisa aseChris Hani ebesaxakeke esenza ugqogqo, aye afumana ulwazi lokuba kukho indoda ethile enompu kwilali iMcBride kuKomani.
UMgolodela uthi ngokukhawuleza kwamaPolisa aye kwimizi eyohlukeneyo kule lali nathe abamba abarhanelwa abathathu (3) abaphakathi kwama21 nama28 ngokweminyaka ubudala benale mipu kwakunye neziyobisi.
Lo una28 umrhanelwa uye wafunyaniswa ukuba unamatyala amabini, elokubulala nelokuzama ukubulala awawenza eKapa kwiPhondo laseNtshona Koloni phakathi ko2018 no2019.
Ulindeleke ukuba athunyelwe eKapa ayokuxoxa malunga nala matyala mabini, phambi kokuba athunyelwe uza kuqala avele phambi koMantyi kuKomani.
Obambeleyo njengoMkomishinala weSithili, uBrigadier Gcinumuzi Wiseman Chiya, uqhwabele izandla amaPolisa ngokukhawuleza kwawo. Ukanti ukwakhalimele abo benza obubi kumanye amaPhondo emva koko babalekele kwisithili ukuzokuzimela.
Related Topics: