iVW Polo ingquzulene neToyota Bakkie phakathi kweGcuwa neDutywa kusasa ngoMvulo.
Ngabantu ababini ababhubhe ngentsasa yangoMvulo kwingozi eyenzeke kuhola wendlela uN2 ngethuba kungquzulana imoto eyiVW Polo kwakunye nemoto yohlobo lwebhaki eyiToyota.
Umqhubi kwakunye nomkhweli kwiVW Polo, indoda kwanomntu ongusisi, bobabini babhubhe kwangoko kwindawo leyo yexhwayelo.
Ngokwengxelo ephuma kwiSebe lezoThutho noKhuseleko eMpuma Koloni, ibhaki nakhona bebebabini ibingumntu ongubhuti umqhubi kwakunye nomntu ongusisi – umntu ongusisi ufumene umonzakalo omandla noye wabalekiselwa kwisibhedlele, logama ubhuti yena engafumenanga monzakalo.
Isithethi soMphathiswa weSebe, uMakhaya Komisa, ubongoze uluntu ukuba luqhube ngononophelo kwaye luthobe isantya nanjengoko iindlela zisemanzi ngenxa yemozulu emana ukunetha.
UMphathiswa uXolile Nqatha udlulise amazwi ovelwano kwiintsapho zamaxhoba abhubhileyo ekwanqwenelela impilo ekhawulezileyo kwixhoba elisesibhedlele.
Kuvulwe ityala lokubulala ngaphandle kwenjongo.
Related Topics: