Inkokeli ye’Economic Freedom Fighters (EFF) uJulius Malema uxelele isityebi saseMelika esazalelwa eMzantsi Afrika uElon Musk ukuba “aye esihogweni” emva kokuba ehlabe ikhwelo kumakhasi onxibelelwano esithi makabhengezwe njengesikrelemnqa kwihlabathi liphela.
Oku kuza emva kokuba uMusk ephendule iividiyo ezindala zikaMalema ethetha ngokunqunyulwa umqala wabamhlophe.
UMusk umemelele ukuba uMalema ohlwaywe ngoko nangoko kwaye lo wayesakuba yinkokeli yolutsha lweANC abhengezwe njengesikrelemnqa kwihlabathi.
Ephendula, uMalema ubhale kuTwitter esithi: “Ngenene ndicinga ukuba ulahlekelwe yingqondo yakho yasekhohlo: ungumntu omoshakeleyo kwaye waxhamla kucalucalulo.
“Ndiyayazi ukuba abantu abantsundu bayafana kuwe, unocalucalulo. Jonga kwakhona, uzokubona ngokwakho ukuba ngabantu ababini abohlukeneyo abo. IMelika ibonisa ubudenge bayo.
“Andikhathali ngezohlwayo zakho; andisokuze ndiyeke ukulwela ukuba abantu abantsundu balingane nabamhlophe, yaye ukuba oko kundenza ndibe sisikrelemnqa kwihlabathi, ndiyazingca ngokuba siso.”